Kufike abanye abadlali abatsha kwiChippa United njengokuba ilungiselela ukuqala kwesizini entsha. Abadlali abatsha nguLuyolo Memela noMenzi Ndwandwe. Kanti kwiveki ephelileyo, iqela likaMnu. Siviwe Mpengesi lityikitye abadlali abaziwayo abaquka uCraig Martin no-Augutine Mulenga. Bonke ngabadlali abasemgangathweni ophezulu futhi bangayinceda iChippa United esoloko isilwela ukuphepha izembe phambi kokusongwa kwesizini. UMemela, 35, utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emibini eGqeberha. Kwisizini egqithileyo, ebedlalela iRichards Bay ebiqala ukudlala kwiDStv Premiership emva kokunyuselwa kwiMotsepe Foundation Championship.
Amava kaMemela aza kulinceda iqela likaMorgan Mammila oza kuxhuzula umkhala kwisizini entsha ngoba indlela adlala ngayo ihambelana ngqo nendlela ebalekayo iChippa United edlala ngayo. ‘Sinovuyo olukhulu ukwazisa uLuvuyo Memela njengomdlali omtsha weChippa United emfumana emva kokwenza umsebenzi oncomekayo emaqeleni awadlaleleyo kwiPremier Soccer League,’ itshilo ingxelo ekhutshwe liqela ngentsasa yanamhlanje. Le ndedeba yakwaMemela yakhe yangumdlali weChippa ngaphambili, ibuyela kuyo ngoku iliqela elingezinzi kakuhle kwiDStv Premiership ngoba isoloko isinda ngolambisa oko xa kuvalwa isizini.
‘UMemela wenza indima ebonakalayo ngethuba iChippa izama ukunyukela kwinqanaba eliphezulu ngo2012. Kwenza umahluko omkhulu ubukho bakhe kwaye ubuyela kuthi enze umsebenzi omkhulu kumaqela awadlaleleyo’. Wazibonakalisa kakhulu uMemela ngethuba engumdlali wePirates. Ukuhamba kwakhe kuyo kothusa abantu abaninzi ngoba wayengumdlali obalulekileyo kakhulu. ‘Udlale kakuhle kakhulu nakuwo AmaZulu phantsi kukaBenni McCarthy. Indlela adlala ngayo uMemela sicinga ukuba iza kuyinceda iChippa United njengokuba ifuna ukuvelisa iziphumo ezibhetele kwisizini ezayo,’ itshilo ingxelo ekhutshwe liqela.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?