Yamkele umqeqeshi omtsha namhlanje iChippa United

Lehlohonolo Seema, Coach of Bloemfontein Celtic during the Absa Premiership 2019/20 game between Bloemfontein Celtic and Golden Arrows at Dr Molemela Stadium in Bloemfontein on 11 August 2019 © Frikkie Kapp/BackpagePix

DUTYWA – Ngentsasa yanamhlanje, iChippa United
ikhuphe umpoposho othi uLehlohonolo Seema ngumqeqeshi wayo omtsha. Oku kwenzeka
ngqo ezithendeni zikaRhulani Mokwena – obengumqeqeshi obambeleyo emva kokuhamba
kukaNorman Mapeza ekuqaleni kweenyanga zokuqala kulo nyaka. USeema ebengumqeqeshi
weBloemfontein Celtic ethiwe mbende ziingxaki zemali – kodwa iye yamkhulula.
Yiyo lo nto eseBhayi namhlanje – apho ayokuba ngumqeqeshi wesihlanu kule sizini
yodwa. “Sivakalisa ukulahla kukaLehlohonolo Seema njengomqeqeshi weCeltic.
USeema wafika kweli qela ngo-2013, wanguKapteni phambi kokuba
lisekela-mqeqeshi. Simnqwenelela okuhle kodwa ebomini bakhe.  Kuya sidakumbisa ukuhamba kwakhe ngoba
ebelulutho eqeleni lethu,” itshilo ingxelo ekutshwe yiCeltic kwikhasi layo
lonxibelelwano.

Emva koko
uthe vumbu eBhayi – apho kulindeleke aqeqeshe iqela elingakwaziyo ukubagcina
abaqeqeshi. Kulindeleke ancede iChippa United enomsebenzi onzima wokuphepha
izembe. Usihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, umamkele umqeqeshi wakhe
omtsha watsho ethembisa ngokumxhasa njengesiqhelo. Kwiveki ephelileyo, iChippa
ikhulule uRhulani Mokwena obefike eKwindla emva kokuhamba kukaMapeza.
Bathandathu abaqeqeshi abaqeqeshe iChippa kule sizini yodwa. USeema ngumqeqeshi
ozibonakalisileyo ukuba yindoda enesandla esihle kwiCeltic emva kokuyiqingqisa
kunzima. Angawenza umahluko kwiChippa ukuba abaphathi bayo bebekuqonda
ukubaluleka kokubagcina abaqeqeshi. Amaqela adlala kwiPSL alungiselela ukuqalwa
kwemidlalo kwakhona emva kokunqunyanyiswa kwayo ngenxa yekhorona.