Yamkelwe ngovuyo inkxaso kaTelkom noSPAR ngabeNetball South Africa

Kwisithuba esingaphantsi konyaka, amazwe ehlabathi aza kuntingela eMzantsi Afrika eza kusingatha itumente yehlabathi yomnyazi. Njengokuba umbutho olawula ibhola yomnyazi kweli lizwe, iNetball South Africa ibambisene neWorld Netball, zilungiselela eyona tumente enkulu, ekuqaleni kwaleni kwale veki zifumente inkxaso kwiinkampani ezimbini. Ezo nkampini nguTelkom noSPAR – abaxhasi abakhulu bebhola yomnyazi eMzantsi Afrika. Imidlalo yetumente yehlabathi iza kudlalelwa eKapa, eNtshona Koloni, ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyeKhala ukuya ngomhla wesithandathu kweyeThupha. Inkxaso kaTelkom noSPAR yamkelwe ngovuyo nguMongameli weNetball SA, uCecilia Molokwane.

“UMnyazi ngowona mdlalo omkhulu wamanenekazi apha eMzantsi Afrika. Udlalwa kuzo zonke iindawo, ukusuka ezilalini ukuya ezidolophini. Siyamkela ngovuyo olukhulu inkxaso yeenkampani ezimbini eziyinika itumente yehlabathi yomnyazi,” utshilo uMolokwane, ethetha ekuqaleni kweveki esebenzisa ubuchwephesha bale mihla. Iza okokuqala itumente yehlabathi yomnyazi isiza kwizwekazi le-Afrika. Kunyanzelekile uMzantsi Afrika uzibonakalise xa izizwe zehlabathi zidlala enkundleni yawo. Njengokuba seyisondele, iNetball SA iyokulanda uNorma Plummer emva kokungaqhubi kakuhle phantsi kukaDorette Badenhorst.

Ukuzibophelela kukaSPAR emdlalweni womnyazi yinto endala kwaye uzimisele ukwenza indima ebonakalwayo. “Sesixhase umnyazi neProteas iminyaka engaphaya kwamashumi amabini. Kumnandi kuthi singuSPAR ukuxhasa iProteas ezinika amathuba amanenekazi aseMzantsi Afrika. Kusivuyisa kakhulu ukuba ngumxhasi wetumente yehlabathi,” utshilo uMax Oliva, ingqonyela kaSPAR South Africa. Kwelakhe uTelkom oxhasa iTelkom Netball League uthe: “Ukusuke;a mhla saqhogana neNetball SA, silubonile uphuhliso kwaye kuyasivuyisa ukuba yinxalenye yetumente yehlabathi ezayo.” Kwiveki ephelileyo, iProteas ibuyise isidima sayo ngokuphumelela indebe yeSPAR Diamond Challenge ebikwiveki ephelileyo.