Yamkelwe ngovuyo iSwallows FC

Igqiza ebeli ququzelela ukubuyela kweMoroka Swallows kwiPremier Soccer League, liphumelele kwiinzame zalo. Into entsha ngoku kukuba igama liyatshintshwa, iqela izakuba yiSwallows FC.

Eli gqiza belikhokelwa ngumphathiswa wezemfundo eRhawutini uPanyaza Lesufi, kwaye uxelele inginginya yabalandeli ngegama elitsha leli qela. ISwallows ibiza kudlala kwi-ABC Motsepe League kwisizini ezayo emva kokungaqhubi kakuhle kwiNational First Division.

Eyona nto ibishunyayezwa nguLesufi kukuba, ngoku iSwallows ilawulwa ngabantu abamnyama ngokupheleleyo.

“Ndifuna niqonde okokuqala. Le yeyona nto ibalulekileyo kuba umdlalo wethu wokuqala ungomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeThupha, kufuneka sigqibe kwigama leqela. “Awukwazi ukuba namaqela amabini abizwa ngegama elinye.

IMoroka Swallows kaLeon Prince isiphathele amatyala. Kufuneka siwahlule la maqela mabini, siqale ngonyawo olutsha,” utshilo uLesufi.

“Ukuba sikwazile ukuqokelela zonke iimpepha engafikanga ungomso sizakuba neqela elitsha elibizwa ngokuba yiSwallows FC.” ULesufi khange alibize ngagama eli qela abalithengileyo, kodwa sele iyinto eyaziwa ngabantu abaninzi ukuba yi-Ea Lla Koto.

Nangona kunjalo, uthi yonke into iza kuqosheliswa ngoLwesithathu. Eli qela lizakusebenzisa iDobsonville njengebala eli likhaya kulo, i-Ellis Park Stadium ibe likhaya lesibini.

Umphathiswa uthe iSwallows ehliselwe yaya kwiMotsepe League izakugqinwa ukukhulisa abadlali ukulungiselela eli qela lidlala kwiPSL.