Yenze imbali iFort Hare University emidlalweni yeVarsity Shield!

Zibhalwe ngokutsha iincwadi zembali emva kokuba iFort Hare United ibethe iCape Penensula University of Technology (CPUT) ngo’28-27 emdlalweni weVarsity Shield obuseDikeni ngoLwesine kwiveki ephelileyo. Emva kokuphumelela yonke imidlalo yeVarsity Cup kwisini yalo unyaka, impumelelo yeFort Hare yenziwe ncasa ngakumbi kukuyizuza phambi kwabalandeli bayo eDikeni. Kokokuqala indebe yeVarsity Shield iphunyelelwa liqela lombhoxo eliphuma kwiphondo laseMpuma Koloni. Ukuphumelela kweFort Hare kuqinise igama leMpuma Koloni njengekhaya lombhoxo eMzantsi Afrika nanjengeyona ndawo evelisa abadlali abaphambili. Bekungelulanga ukuqubisana neFNB CPUT ebiziintshatsheli ezikhuselayo ngoba ibisilwela ukuyigcina indebe yayo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iFort Hare iphantsi koxinizelelo – kodwa okuye kwancomeka yindlela abadlali bayo abalwe ngayo kwisigaba sesibini somdlalo. Amadoda azijule ijacu anceda iFort Hare aquka uAyabulela Xhosana, uYamkela Mzozoyana noKeith Chiwara. UKapteni weFort Hare University, uKamvelihle Fatyela, uvakalise uvuyo lwakhe emva komdlalo watsho encoma indima eyenziwe ngabalandeli abalixhasileyo iqela lakhe kwisizini esongwe kwiveki ephelileyo. “Ndonwabe kakhulu. Ndizingomba isifuba ngomsebenzi owenziwe liqela lam. Besikhe sahamba emva emdlalweni – kodwa ndibacengile oogxa bam ngelithi mabanganikezeli kude kuphele umdlalo. Enkosi kubalandeli bethu. Le impumelelo yeyabo,” utshilo uFatyela obethiwe wambu yimincili.

Noxa iziko lemvundo laseNtshona Koloni ligoduke lisophisa emva kokubethwa eDikeni – kodwa akukho mntu onokuyithandabuza indlela ebelizimisele ngayo emdlalweni. Ibidlalela ukuphumelela iCPUT – kodwa uKapteni wayo, uSiyasanga Ngubelanga, uthe abaphoxekanga kukubethwa yiFort Hare University. “Asindiphoxekanga mna. Kuthi esi sisiqalo sohambo olude. Ndiyababulela abalandeli bethu abasuka eKapa nabalandeli bombhoxo baseMpuma Koloni. Isebenzile kakhulu iFort Hare. Yiminyaka izama ukufumana impumelelo eyizuzileyo namhlanje. Ndiyaziqhenya ngomsebenzi wayo njengomntu walapha eMpuma Koloni. Bekumnandi nakum ukudlala phambi kwabantu basekhaya eQonce,” utshilo uNgubelanga. UChiwara weFort Hare ufumene iwonga lomdlali obalaseleyo kwiVarsity Shield yalo nyaka.