Yenze imbali iMagesi FC equthise iRichards Bay emdlalweni weCarling Cup

Abadlali beMagesi FC phambi komdlalo weCarling Knockout Cup. Umfanekiso: Facebook

Izenzele imbali iMagesi FC ngokufikelela kwisigaba sokugqibela seCarling Knockout Cup okokuqala. Oku kwenzeke emva kokuba iMagesi iquthise iRichards Bay ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium namhlanje emalanga. Kwisithuba esingaphezulu kancinci kwiinyanga ezintathu, iMagesi FC izibonakalisile ukuba ayifikanga ngempazamo kwisigaba esiphezulu. Ifolisile amaqela ekudala edlala kwiBetway Premiership ngenduku kwiCarling Cup, ngoku inethuba lokuba ziintshatsheli ukuba iyiphumelele.

Isiqalo khange sitake iintlantsi ngoba amaqela ebengafuni ukwenza iimpazamo. Kodwa izinto ziqale ukujika ngethuba uYanela Mbuthuma ekhaba ibhola embi evalwe nguElvis Chipezeze emzuzwini weshumi elinesihlanu. Ukusukela ngoko, amaqela axhwithene kwanzima. Oyena nozinti oye waxakeke kakhulu nguChipezeze. Uye wanyanzelwa ukuba achithe ezinye iibhola ezinzima ebezisuka kuTlakusani Mthethwa noMbuthuma kwakhona. Ukungasebenzisi amathuba kujike kwakrakra kwiRichards Bay.

UTshepo Mashigo ubhakuzelise umnatha ngebhola ayisukele emva kwempazamo eyenziwe ngumdlali weRichards Bay endaweni embi kakhulu ebaleni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngegowuli iMagesi. Anyuse umxakatho omabini amaqela kwisigaba sesibini. IRichards Bay ingene ikhangela igowuli lokulinganisa. Kanti iMagesi ivale emva, yabe yamane ihlasela ngelikhangela igowuli lesibini. Izamile iRichards Bay kwisigaba sesibini – kodwa yalile ukungena ibhola emnatheni.

Noxa unozinti weRichards Bay evale iibhola ezimbi – kodwa nguChipezeze usebenze kakhulu kwisigaba sesibini somdlalo. Kangangokuba uChipezeze ufumene iwonga lomdlali oqaqambileyo emdlalweni kwakhona namhlanje. Indawo ekuyo iMagesi FC iyifanele ngoba ibethe amaqela afana ne’Orlando Pirates, iTS Galaxy neRichards Bay namhlanje. Nakubeni ifika kwiBetway Premiership – kodwa inemidlalo esixhenxe yonke ingabethwa phantsi kwesandla sikaClinton Larsen osuka nayo kwiMotsepe Championship.