Yenze umahluko kwisikolo saseNgqeleni iLottery!

Inkampani edume kakhulu ngokunceda iinkqubo zophuhliso zoluntu kweli lizwe loMzantsi Afrika, iLottery, ithe jize isikolo saseNgqeleni esibizwa ngokuba yiGuqaza Junior Secondary School ngemali engamakhulu amathathu amawaka [R300 000] ukuze ithengele abantwana besikolo iimpahla zokudlala.

Esi sikolo sizinze kwilali yaseButhongweni asilelanga ngoba siphala phambili kwicala lokuvelisa abadlali abakhulayo kwibhola ekhatywayo, kwaye bagqwesile kwiphondo lonke. Kodwa njengazo zonke izikolo ezisezilalini naso besitsala nzima kwicala lempahla yokunxiba yemidlalo. Kule mali isuka kwiLotto, amashumi amahlanu amawaka [R50 000] kuthiwe masithenge ngayo iimpahla zokudlala isikolo. Senze njalo ngokwenene isikolo. Esi sikolo sizifumene zonke izinto ebesizifuna.

Esinye isixa kule mali sizakuthi silungise amabala okudlalela imidlalo efana neSoft Ball, umnyazi [Netball] nebhola ekhatywayo. Inqununu yesikolo, uNdumiso Nqiwa, abantwana besikolo nabazali bazivuyele kakhulu izinto abazenzelwe yiLotto. “Siyifumene imali evela kwiLotto ngo-2015, senza ngokwendlela asiyalele ngayo.

Impahla zokudlala zithengiwe namabala azakulungiswa. ULotto wenze umahluko omkhulu, zange sayifumana inkxaso thina apha eGuqaza. Ndiyazikhuthaza nezinye izikolo, mazicele kwiLotto ukuze abantwana bangahleleleki xa behambile,” itshilo inqununu.Utata oyinxalenye yekomiti ephethe isikolo, uVelile Zantsi, uyivuyele kakhulu into abayenzelweyo yiLotto. “Siyabulela kwiLotto ngokusicenda sakube sicelile. Amabala azakunceda kakhulu ebantwaneni bale ndawo nezinye iindawo,” utshilo uZantsi.

Umama uNolingene Sogoni naye wenze umbulelo ongazenzisiyo. “Siyayibulela imali esiyifumeyo. Abantwana bethu bebehleleleke kakhulu, kodwa ngoku bahle gqitha. Bazifumene izinto ebesizicele kwiLotto,” utshilo uNolingene ongusihlalo wekomiti yesikolo.

IGuqaza J.S.S, imele eli phondo leMpuma Koloni kwimidlalo kazwelonke yebhola ekhatywayo amatyeli aliqela.