Yenze umtsi omde oye phezulu iBlack Leopards ebethe Abafana Bes’ thende!

Black Leopards players celebrate a goal during the Absa Premiership 2019/20 match between Golden Arrows and Black Leopards at the Emirates Airline Park ,Johannesburg on the 21 August 2020 Sydney Seshibed Gallo images/BackpagePix

Emva
kokubetha iGolden Arrows ngo’2-1 emdlalweni wanamhlanje, iBlack Leopards isuke
endaweni esezantsi yayokuthi ngcu kwindawo yeshumi alinesithathu. Ukuphumelela
kwayo ngunozala wokuzimisela kwayo emva kokubambeka emsileni wePSL ixesha elide
kule sizini. Umdlali uqale ngezinga eliphezulu – kodwa ngaBafana Bes’thende
ababhakuzelise umnatha kuqala ngepenela efakwe nguKnox Mutizwa emva kokuwiswa
kukagxa wakhe emhlabeni kanozinti. Ifumene igowuli lokulinganisa iLeopards ngebhola
efakwe nguMwape Musonda. Emva kokudlala kwamaqela ixesha elide kungekho elifuna
ukugoba uphondo – uMusonda ufake igowuli lesibini emva kokuba unozinti
we-Arrows engakwazanga ukuyicinezela ibhola. Ukuba iBlack Leopards ingasebenza
ngokuzimisela nakwezayo imidlalo, inethuba elihle lokulwela neTop 8.

         

Komnye
umdlalo, iBidvest Wits ide yazuza impumelelo nayo ngokubetha AmaZulu ngo’2-1
emva kwexesha elide ingasafumani mpumelelo emidlalweni ye-Absa Premiership. USiyabonga
Mbatha noBonginkosi Ntuli bebengathemba waMaZulu – kodwa UCole Alexander noLorenzo
Gordinho bebengamadoda elithembele kubo iqela likaGavin Hunt. Ngethamsanqa
izinto ziyihambele kakuhle iWits efumene amagowuli amabini kwelinye AmaZulu
alifumeneyo emdlalweni wanamhlanje. AmaZulu asekela iPolokwane City
esemsileni emva kokubethwa namhlanje. Emva kowona mdlalo obujongwe ngamehlo
abomvu, iMamelodi Sundowns ayikwazanga ukuvala umsantsa phakathi kwayo neKaizer
Chiefs, ebethwe yiBlomfontein Celtic ngo’3-1, emva kokuba ibambene neMaritzburg
United ngo’2-2 emdlalweni obungorhatya namhlanje.

         

Iqela
likaPitso Mosimane lihambe phambili ngamagowuli afakwe nguRicardo Nascimento
noHlompo Kekana kwisigaba sokuqala. Ibuyile iTeam of Choice ngebhola efakwe
nguRhushine de Reuck. Emva kwexesha kudlalwa, iMaritzburg ifake izuze igowuli
lesibini ngebhola efakwe nguThabiso Kutumela onikelwe nguTebogo Tlolane. Oko
kubuyelwe emabaleni kwakhona, iSundowns ayikaphumeleli. Abalandeli bayo ngeke
bonwabe ngoba iChiefs ingavula omnye umsantsa ukuba iyaphumelela ngeCawa. Ukungaphumeleli
kweSundowns, iPirates neWits emidlalweni yayo – kwenze akwabikho xinezelelo
kwiChiefs nangona nayo ingaqhubi kakuhle kweyayo imidlalo.