Ibhola ekhatywayo yeminye yemidlalo ephambili kweli loMzantsi Afrika – kodwa ngaphandle kwabalandeli ulwamvila lwayo alusoze luvakale. Yiyo lo nto kubalulekile ukubanika iqonga lokuthetha ngezinto ezibalulekileyo kubo. Kule veki I’solezwe lincokole nomlandeli omkhulu weMamelodi Sundowns.
Pedro Mapelo (PM): Siyakwamkela kweli phephandaba. Ngokufutshane, khawutsho ungubani?
Mlandeli: Ndiyabulela kakhulu Mhlekazi. NdinguWiseman Sogoni, ndihlala eBelgravia kwalapha eMonti.
PM: Udibenephi neDowns?
WS: Ndaqala ukulandela iSundowns kudala kakhulu. Ukuba ndikhumbula kakuhle kwakuphaya ngoo-1995. Abantu basekhaya bonke babelandela iKaizer Chiefs – mna ndagqiba kwelokuba ndizikhangelele into yam.
Kodwa lo nto yenzeka ndingumntu oyithandayo ibhola ekhatywayo. Ndiyayidlala futhi ndiqeqesha neqela labadlali abasakhulayo.
PM: Iqela lakho lidlala kwiChampions League kule veki, uziva njani?
WS: Ndonwabe kakhulu ngoba siqhube kakuhle kulo unyaka. Andinalo tu ixhala, le indebe yeyethu. Amaqela aseYiphutha adlala ngendlela efanayo – kodwa akakwazi ukuyibetha iSundowns. Siyakwazi ukuwabetha xa sidlala nawo.
PM: Yintoni oyilindeleyo kwiDowns kule sizini yePSL?
WS: Ndifuna sikhusele indebe yePSL. Yeyona nto ibalulekileyo kwibhola yoMzantsi Afrika. Ukuba bangagcina yona nje – kungakuhle. Ingayibhasela ukuba bangafumana enye indebe.
PM: Kutheni abalandeli bengayi emabaleni kwezi ntsuku?
WS: Into eyayibangela kugcwale ebaleni kudala yibhola enomtsalane, akusekho njalo kule mihla. Enye into enegalelo ekuhleni kwamanani yimidlalo ephuma kumabonakude.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike