Yimpazamo ukugcina umdlali ofuna ukuhamba

Namhlanje luyavalwa ucango njengokuba kuphela inyanga ebibekelwe bucala njengeyokugqibela yokuthenga nokuthengiswa kwabadlali kwihlabathi jikelele.

Abalandeli basajonjile ukuba amaqela wabo ayakutyikitya abaphi abadlali phambi kokuphela kosuku lwanamhlanje. Babini abadlali abatshisayo kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika: nguJeremy Brockie weSuperSport United noLebogang Manyama weCape Town City.

Omabini la maqela akafuni nokuva ngabadlali bawo – kodwa okubonakalayo kukuba bona abadlali bayafuna ukuhamba. Nazo iingxaki ajongene nazo la maqela zisuka nje kule sizini.

UBrockie ngumdlali oyingozi phambi kweepali kwaye ukuhamba kwakhe kungayichana iSuperSport United efuna ukuqhuba kakuhle kwimidlalo yePSL nakwiCaf Confederaton Cup. Kwelinye icala, uManyama uzibonakalisile ukuba ungumpetha ebholeni emva kokufaka amagowuli amaninzi kwisizini egqithileyo nabengumdlali oqaqambileyo kuyo. Ingqonyela yeSuperSport, uStan Matthew, ubetha ngenqindi phantsi ngelithi uBrockie akayi ndawo. Lo mdlali, 29, ufake isicelo sokuhamba kwiveki ephelileyo – kodwa akwavunywa. Le nzalelwane yaseNew Zealand ifunwa yiMamelodi Sundowns, i-Orlando Pirates – kodwa neKaizer Chiefs ayimchasanga.

“Akanakuza kuthi kuvalwa ixesha lokuthengiswa kwabadlali ulindele ukuba sikwazi ukuyenza lo nto. Sesizenzile izicwangciso zethu zesizini. UBrockie makahloniphe isivumelwano sakhe neqela qha. Ukuba uthenjiswe ngemali enkulu – asikwazi ukuhlangabezana nalo nto ngoku,” utshilo uMatthew.

Kwiveki ephelileyo, * -Eric Tinkler, akamdlalisanga lo mdlali kuba efuna ukuhamba. Nangona engafuni uMatthews – kodwa ukugcina umdlali ofuna ukuhamba yimpazamo ngoba uzakudlala engazimiselanga futhi angabatyhafisa abanye abadlali.

Naye uManyama ufunwa yiDowns – kodwa iqela lakhe lincwase ukumthengisa eYurophu. UBennie McCarthy akamdlalisanga lo mdlali kumdlalo odlulileyo kuba efuna kudlule le nto. Akukacaci nokuba yozala nkomoni na – kodwa bobabini aba badlali bangadlalela amaqela amatsha ngoLwesihlanu okanye ekuqaleni konyaka ozayo. Naye uManyama akazibophelelanga kwiCity.