“Yindawo ekhethekileyo iMpuma Koloni” – Da Gama

ABafana Bafana bazimisele ukwenza ezibukwayo kumdlalo wangomso xa bedibana ne-Angola, eBuffalo City Stadium. Umfanekiso: Pedro Mapelo | I'solezwe lesiXhosa

Umqeqeshi weBafana Bafana, u-Owen Da Gam, akawuvali bububele nemfudumalo abamkelwe ngayo ekugalelekeni kweqela lesizwe izolo eMonti. Abantu baseMonti abayixhasa kakhulu ibhola ekhatywayo kanye xa lithande ukuhla lokuxhaswa kwayo kwezinye iindawo, bona bebephume ngobunzi nanamhlanje bezokubukela abadlali ngethuba bezilolonga eBuffalo City Stadium ngorhatya namhlanje. Amaxhwangusha oMzantsi Afrika alungiselela umdlalo wobuhlobo ne-Angola ngo’19:00 ngomso eBuffalo City Stadium.

Lo mdlalo ubalilekile kwiBafana Bafana njengokuba ilungiselela imidlalo yokuya kwiFifa World Cup ngo’2018 nakwi-Africa Cup of Nations ezayo. Nangona uDa Gama engumqeqeshi obambeleyo – kodwa uzimisele ukwenza konke okufanelekileyo ukuze ufike umdlalo ophakathi kweBafana Bafana neCape Verde, abadlali bewulungele.

“Lo ngumdlalo obalulekileyo kakhulu kuthi, ngakumbi xa sijonga indlela esamkelwe ngayo apha ngabantu baseBuffalo City. Indlela esiziva ngayo ayinambaliso. Abantu basuke kwiindawo ezikude bezokusamkela apha kwihotele yethu izolo. Yindawo ekhethekileyo iMpuma Koloni kubom bethu bantu baseMzantsi Afrika nje ngokubanzi,” utshilo uDa Gama xeshikweni ethetha neentatheli.

ABafana Bafana baya kumdlalo wangomso benamandla kwaye umoya wabadlali uphezulu emva kokuba bebethe iGuinea-Bissau ngo’3-1 kumdlalo wobuhlobo eMoses Mabhida Stadium ngempelaveki edlulileyo. Kulo mdlalo umqeqeshi uthembisa ngokunika inxalenye yabadlali abangafumana kumdlalo ogqithileyo, ithuba lokudlala ngomso.

“Nakanjani, kufuneka bedlalile. Awukwazi ukubiza abadlsli emva koko ungabaniki ithuba lokudlala. Kubalulekile ukubanika nabo abadlali abatsha ithuba lokudlala – kodwa siza kujonga ixesha elifanelekileyo emdlalweni.,” utshilo uDa Gama.

Ilizwe lase-Angola alizanga apha ukuzophuca. Likubeke kwacaca ukuba lifuna ukudlala umdlalo ophucukileyo kwaye kulindeleke inike uMzantsi Afrika ubunzima kulo mdlalo.

“Sidlalile nayo i-Angola izihlandlo eziliqela. Baliqela elidlala ibhola entle kakhulu, yiyo lo nto belapha namhlanje. Indlela abadlala ngayo ayohlukanga kwiGuinea-Bissau. Kufuneka uyiqonde into yokuba onke amazwe ayakufuna ukubetha iBafana Bafana ukuze anyukele phezulu kumanqwanqwa ehlaba,” utshilo uDa Gama.