Yinqwaba yamaqela agacele uMyeni

Ufunwa ngapha nangapha umdlali odlala kwi-Absa Premier Soccer League, uSifiso Myeni, ochithwe yi-Orlando Pirates kwiveki ephelileyo.

Lo mdlali ukhululwe nabanye abadlali abahlanu, kucingeleka ukuba khange afumane ndawo kwizicwangciso zomqeqeshi omtsha wePirates, uMuhsin Ertugral, othathe indawo ka-Eric Tinkler ongumqeqeshi weCape Town City yaseKapa.

Nangona iinguqu zazilindelekile ekufikeni kuka-Ertugral, kodwa abantu bothuka xa bebona igama likaMyeni phakathi kwabadlali abathengiswayo. Umanejala kaMyeni, uMike Makaab, ophethe imicimbi yalo mdlali, uxelele Isolezwe ukuba yinqwaba yamaqela adlala kwiPSL afuna umdlali wakhe.

“Zisothusile iindaba zokufakwa kukaMyeni kuluhlu labadlali abangekho kwizicwangciso zikaMuhsin. Kwisizini edlulileyo lo mdlali udlale imidlalo emininzi futhi wayidlala kakuhle yonke.

Emva kokufumanda iindaba ngokuhanjiswa kwake yiPirates, maninzi kakhulu amaqela aqhakamshelene nathi efuna sixoxe.

Okwangoku akukho nto ibambekayo ngoba le yinto esentsha, kodwa andithandabuzi ukuba kwiiveki ezizayo kuzobe kukho into ecacayo,” utshilo uMakaab.

Ezintsha zithi iCape Town City eqeqeshwa nguTinkler, iKaizer Chiefs neHighlands Park zityikitye inqwaba yabadlali kwiveki ephelileyo. IHighlands, eyenyukele kwinqanaba eliphezulu ekupheleni kwesizini ephelileyo, ibonise izwe lonke ukuba izimisele ngokuthi ifumane abadlali abafana neCollins Mbesuma noThanduyise Khuboni.

Elinye lalo maqela ekuvaka ukuba ayamfuna ngoku yiBidvest Wits awayeyidlalela phambi kokuthathwa yiBucs.

“UMyeni akagxothwanga kwiPirates, ufakwe kuluhlu labadlali abathengiswaso, ngapha koko yena usenesivumelwano nayo. Sizimisele ukwenza ngako konke okusemandleni ukuze afumane iqela,” utshilo uMakaab.

Lo mdlali akekho kubadlali ekulindeleke badlale iCarling Black Label eFNB Stadium ngoMgqibelo.