Bekukhe kwakubi kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba ngenxa yeziphumo ezibi. Imibuzo ibisoloko ikhona xa kuxoxwa ngabalandeli beqakamba ngabadlali abafana noTemva Bavuma, uAiden Markram noSisanda Magala noxa ebengekabinayo indawo yakhe kwiProteas. Ukusukela oko kuthe kwafika uShukri Conrad noRob Walter njengabaqeqeshi abangene endaweni eshiywe nguMark Boucher, izinto zitsho zangcono kakhulu. Indlela iqela lesizwe elidlala ngayo iphucuke kakhulu kwaye lisecicini lokuya kwitumente yehlabathi ngaphandle kobunzima obebulindelekile. UBavuma noMarkram ziintsika zeProteas ngoku. Ngabo abenze indiba ebonakalayo ephunyelelwe yiProteas emidlalweni egqithileyo.
Kodwa emidlalweni uMzantsi Afrika obethe kuyo iNetherlands, kuye kwagqama uSisanda Magala. Uqale ukuzibalula uMzantsi Afrika udlala neNgilane phambi kokwenza ezibukwayo edlalela iSunrises Eastern Cape ekuqaleni kwalo nyaka kwitumente yeqakamba ekuthiwa yiCricket T20 League. Kutshanje, uMagala ufumene oothinti abahlanu eyedwa emdlalweni uMzantsi Afrika obethe kuwo iNetherlands ngekhulu elinamashumi amane anesithandathu lemitsi. UKapteini weT20I, uAiden Markram, uyincomile indima eyenziwa nguMagala kwiqela lesizwe watsho ebalula nesizathu esibangela adlale kakuhle.
“USisanda ngumdlali odlala iqakamba ngendlela elula kakhulu. Udlala kakuhle ngoba uxhaswa liqela lonke. Yindoda engakufela xa ikubona ukuba uyayixhasa. Kuhle kakhulu okwenzekayo ebomini bakhe njengomdlali weqakamba ngoku. Uzenzela imbali ngoba uzinzile eqeleni futhi noogxa bakhe bayayithanda kakhulu into ayenzayo. Xa edlala kakuhle, neqela lenza umsebenzi omhle,” utshilo uMarkram emva komdlalo ogqithileyo. Emva kokuba ubethe iNetherlands emidlalweni emibini, uMzantsi Afrika ufumene indawo kwitumente yehlabathi – kodwa ungaphazanyiswa yi-Ireland ukuba ingabetha iBangladesh emidlalweni emithathu ekwisithuba senyanga ezayo. Izinto zakucaca ngakumbi kwezi nyanga zizayo kuMzantsi Afrika ohleli kwindawo yesibhozo kumanqwanqwa eqakamba yehlabathi.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates