Emva kokuphumelela owona mdlalo onzima, AmaBhokobhoko aqweba amaqhinga okudlula kwiNgilane emdlalweni wetumente yehlabathi oza kube usePeris ngentsimbi yethoba ngeCawe. AmaBhokobhoko asazigobha amacala emva kokubetha iFrance ngo’29-28 emdlalweni obuseMarseille ngeCawe egqithileyo. Ngumdlalo obunzima kakhulu kuMzantsi Afrika ngoba iFrance ibidlalela phambi kwabalandeli bayo. Yiyo eqale yatsazisa igazi emdlalweni kungaphelanga nemizuzu elishumi – kodwa amava nabadlali abafakwe kwisigaba sesibini nguJacques Nienaber benze umsebenzi oncomekayo kakhulu. Ngoku uMzantsi Afrika ufumana ithuba lokudibana neentshama zawo ezinkulu eYurophu, iNgilane.
Le yimpinda yomdlalo wokugqibela wetumente yehlabathi ebibanjelwe eJapan ngonyaka ka2019. UMzantsi Afrika wayibetha iNgilane emdlalweni ekwagqama kuwo uMakazole Mapimpi noLukhanyo Am – kodwa ngoku lifikile ixesha lokuba amaNgesi abuyise izitya. Emva komdlalo ogqithileyo, uFaf de Klerk, uJesse Kriel noPieter-Steph de Toit bathethe ngobunzima abaza kujongana nabo xa bedlala neNgilane ebethe iFiji ngo’30-24 emdlalweni ogqithileyo. UDe Klerk, ongene kwisiqingatha sesibini emdlalweni ogqithileyo, uthe baza kujongana neNgilane ehlaziyekileyo.
“Sesidlale amatyeli amaninzi neNgilane. Ibikhe ayaqhuba kakuhle phambi kwetumente yehlabathi – kodwa izinto ziguqukile ngoku. Umdlalo uza kuba nzima kakhulu. Okufunekayo kukuba sibeke iingqondo zethu ekuzilungiseleleni,” utshilo uDe Klerk. Naye uDu Toit waleke ngelithi iNgilane iza kuncedwa ngabaqeqeshi bayo abatsha. “Banabaqeqeshi abatsha abaze nendlela yabo entsha yokwenza izinto. Kufuneka sijonge indlela edlalala ngayo. Kubalulekile ukuya emdlalweni sizilungiselele ngoba kungenzeka nokuba yintoni. Kumnandi futhi lifikile ixesha lokuba senze into esiza kuziqhenya ngayo nelizwe,” utshili uDu Toit.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates