Ngomzuzu wokugqibela, iGinea-Bissau, yohluthe ilizwe elisingathe itumente yalo nyaka, iGabon, ngomzuzu wokugqibela ngethuba ifaka igowuli lokulinganisa kumdlalo wokuvula eStade d’Angondje namhlanje ngokuhlwa.
Umdlalo wokuqala uqale ngezinga eliphantsi nangoba ubuzinyaswe ngamawaka-waka abathandi bebhola. Igowuli leGabon lifakwe yifolosi eyoyikwa kwakhulu ngenxa yolwanvila enalo uPierre-Emerick Aubameyang phambi kokuphela kwesiqingatha sokuqala. Njengelizwe elidlalela ekhaya, bekulindeleke ukuba iGabon iyivuthulule kanobom iGuinea-Bissau – kodwa endaweni yoko ifumene ubunzima. Abadlali beGuinea-Bissau bayibeke phantsi ibhola kamnandi [nabo] kwelabo icala kwaye bebefika kwiipali zeGabon nangona bebefika kuvaliwe.
Eyona nto yenziwe kakuhle ngabadlali beGuinea-Bissau kukuqinisekisa ukuba bayabagada phantse bonke abadlali abayingozi nangona amava, kulo mgangatho, aye ababetha ngethuba u-Aubameyang efaka igowuli lokuqala kule tumente ka’2017. Umdlalo uye waphucuka kwisiqingatha sesibini ngoba amazwe omabini ebefuna amanqaku amathathu.
Nanoba iGabon ingephakathi kwaloo mazwe athathelwa phezulu kwibhola yezwekazi le Afrika – kodwa abazizo iidyongo konke konke. Ukudlala kwayo iGabon kwiitumente ezidlulileyo kuyinika amava afunekayo kwiqela elizimisele ukudlala kakuhle kwitumente efana nale. Njengelizwe ekudlalelwa kulo [iGabon]kunzima ukulikhuphela ngaphandle kwalawo anokuthi aphumelele le ndebe ngoba yeyona inenkxaso ukogqitha onke amanye amazwe.
Ibhola efakwe yiGuinea-Bissau ayiyifumananga ngempazamo – iyisebenzele. Indlela edlale ngayo iyancomeka ngoba akululanga ukudlala umdlalo wokuvula itumente ngoba akufuneki wenze iimpazamo ezinintsi. Kufuneka abadlali beGabon baqinise umqolo ukuba bafuna ukuya phambili kwi-Afcon ngoba ukubetha iCameroon neBurkina Faso soze ibeyinto elula.
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma