‘Yona iSuper Cup yeyethu,’ utsho uDingani

Umlandeli weSundowns uSandile Dingani

I’solezwe lesiXhosa libambe bucala umlandeli omkhulu weMamelodi Sundowns eSisa Dukashe Stadium kwimpelaveki edlulileyo – apho alixelele ngothando lwakhe lwebhola neqela lakhe. Masive isizathi sakhe esabangela alandele into yakhe yedwa kowakhe.

Pedro Mapelo: Wamkelekile kweli phephandaba Dawana, gqabagqaba ngawe!

Umlandeli: Ndiyabulela kuni. Igama lam ndinguSandile Dingani, ndihlala kwaZone 17, eMdantsane.

PM: Njengokuba uyithanda iSundowns, watsalwa yintoni apha kuyo?

Sandile Dingani: Yaah! Ndiyithanda kakhulu iSundowns. Ukuyilandela ndaqala phaya koo’1985, umphathi wayo isenguZola Mahobe. Ngelo xesha yayidlala ibhola enomahluko kwamanye amaqela. Ibhola yayo ndayithanda kakhulu. Ekukhuleni, ekhaya babethanda iKaizer Chiefs – ndagqiba kwelokuba ndibe yiDowns man.

PM: Ukweliphi isebe labalandeli?

SD: Ndikwi-East London Supporters. Kumnandi ngoba xa ungumlandeli weSundowns uyakwazi ukuya kwiindawo ezininzi, ufumana izaphulelo kwiivenkile ezithile. Ngamanye amaxesha sizonwabisa ngokuthi sidlale imidlalo nabanye abalandeli. Kumnandi ukuba phakathi kwabantu beSundowns ngoba bohlukile kwabanye abantu.

PM: uziva njani emva kokuba iqela lakho liphumelele iCAF Champions League?

SD: Yhoo! Kumnandi ngendlela engathethekiyo. Umgangatho weSundowns ngoku uphakamile kakhulu. Amaqela amakhulu afana neKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates ayakuthatha kule ndawo sikuyo – aye phambili wona. Yayidlala kakuhle kubaqeqeshi bangaphambili – kodwa apha kuPitso Mosimane siyaphumelela ngoba ufike watyala ukuzithemba kubadlali. Ungayijonga nendlela edlala ngayo, ayixhamazeli ebholeni.

PM: Ulindele ntoni kule sizini kwiDowns?

SD: Ndiqinisekile, iSuper Cup siyayibamba – kuba naseJapan, sizakuxhathisa. Kunyanzelekile ke siyikhusele indebe yePSL. Ndilindele senze enye indebe phantsi kukaPitso – njengoko sisazi ukuba nguye umqeqeshi omnyama ophumelele indebe yePSL kweli lizwe.