Yoyisiwe iBees, Uthongathi lulungiselela inqanaba elingentla

Iqela Uthongathi lubhiyozela impumelelo yalo

Itumente yamaqela adlala kwi-ABC Motsepe League idlule – kodwa ishiye abantu baseMpuma Koloni abebenethemba lokunyuselwa kwe-EC Bees bethe khunubembe. Amaqela aphumelele kumaphondo onke eMzantsi Afrika ebehlangene eMonti – apho bekudlalwa khona itumente ekuhluzwe kuyo amaqela amabini anyukela kwiNational First Division ekuqaleni kwesizini ka-2017/18.

IBees yophulwa amalungu kwakumdlalo wokuqala kule itumente ngethuba ivumela Uthongathi luyibethe ngo’1-0. Nangoba iBees yavuthulula iMainstay United kumdlalo wesibini – kodwa iye kumdlalo wokugqibela ingenawo amandla ngoba Uthongathi beluyiphumelele kabini kuGroup B. Ukubethwa kwe-EC Bees kubaphoxe kakhulu abantu abaninzi ngoba bebeyithembile emva kokusokolisa i-Orlando Pirates kumdlalo weNedbank Cup phambi kwale midlalo. Elinye lamaqela abejongwe kakhulu yi-Acornbush eyodlulwe yiSuper Eagles kuGroup A.

Umqeqeshi weBees, uVuyisile Njedu, washiyeka engenazwi emva kwale tumente. “Itsho into, ithi masibuyele emva siyokulungisa izinto. Sibethwe kukuvulela amagowuli kule tumente. Xa udlala kwitumente enje akufuneki nivuze,” utshilo uNjedu.

Xa kuphela isizini kubakho utshintsho, kulindeleke lubekhona nalapha kwiBees. “Akukho nto icacileyo okwangoku malunga nekamva lam, ndizakulinda ukuva kubaphathi beqela,” uvale ngalo mazwi uNjedu.

Uthongathi ziintshatsheli ze-ABC Motsepe League ngo-2017, ngoku lulungisela iNFD emva kokubetha iSuper Eagles kumdlalo wamagqibela kankqoyi eBuffalo City Stadium ngeCawe edlulileyo.

Eli qela laseKZN liyiphumelele yonke imidlalo yalo kwaye lenze umsebenzi oncomekayo kakhulu kule tumente. “Sonwabile kakhulu. Ngoku sizakulungiselela iNFD zisuka nje, ngokuba asifuni ukuba yiyoyo, akufuneki sifike phaya singazilungiselelanga. Kum kumnandi kakhulu ukubona abadlali bethu bekhula ngokwasebholeni,” utshilo uRonnie Gabriel, umqeqeshi weThongathi.