‘Zange kube mnandi ukubethwa yiProgress’

Yanga Xakalashe

Umdlali ophambili weSwallows neBorder Bulldogs uthi umnqweno wakhe kukubuyela elalini yakhe akhulele kuyo ukuze afundise ulutsha umbhoxo. Oku kuthethwe nguYanga Xakalashe, 37, ngethuba encokola neli phephandaba kule veki.

“Ndihlala eKwelerha, eMonti, apho kanye ndadibana nawo khona umbhoxo ndisafunda amabanga aphantsi. Ndandineminyaka elishumi elinambini ngethuba ndiqala ukudlalela iRising Stars yaseGwaba,” utshilo uXakalashe.

Phantse bonke abadlali basezilalini, babonwa kwiitumente zasekuhlaleni ezibanjwa rhoqo ngethuba leeholide. Kwabanjalo ke nakuXakalashe.

Ubomi bakhe embhoxweni baguquka mhla wathathwa ngabaphathi beSwallows ababeyinxalenye yetumente eyayiseMooiplaas.

“Ndabonwa ngabaphathi beSwallows ndidlala kwitumente yepasika eyayibanjelwe eMooiplaas ngo-2004. Ekufikeni kwam edolophini izinto zatshintsha. Umgangatho wawuphezulu futhi zininzi nezinto ezintsha kum. Ndaqala ukufundiswa ngendawo endidlala kuyo, ukuqubisana nabanye abadlali ndiphethe ibhola nezinye izinto ndakufika kwaSwallows. Zange ndalitshintsha ke iqela,” utshilo uXakalashe.

Le ndedeba yaseKwelerha ibiyinxalenye yeSwallows ekhe phantsi isitya sigcwele kutshanje emdlalweni wokugqibela we-Eastern Cape Super 14.

Kwaphoxeka abantu abaninzi kuloo mdlalo ngoba iSwallows lelinye lamaqela agqugqisayo embhoxweni osezantsi kwiMpuma Koloni yonke.

“Zange kube mnandi kuthi ukubethwa yiProgress ngoba yinto esasingayiqhelanga. Kuyo yonke lo nto sifundile ngoba sasidlalisa abadlali abasebatsha, sinethemba lokuba baza komelela,” utshilo uXakalashe.

Kuba kungekho nto ingako anokuyenza ngoku kwicala lokuya kumgangatho ongasentla, uXakalashe uthi ufuna ukwenza umahluko ekhayeni lakhe.

“Ngenxa yeminyaka endinayo, akusekho nto ingakho endinokuyenza. Into endiyinqwenelayo ngoku kukufundisa abantwana abancinane umbhoxo ezilalini. Okusandibhidayo ngoku kukuba ndiyasebenza kwaye ndisadlalela iSwallows nakwiBorder Bulldogs,” uvale ngaloo mazwi.