Zibaliwe iintsuku zikaWatson kwi-EPRU

Umongameli wemanyano yombhoxo ezinze eBhayi i-Eastern Province Rugby Union uCheeky Watson usecicini lokuphulukana nomsebenzi wakhe, kule nyanga izayo.

Emva kweengxaki zemali ephantsi kwazo le manyano, neziye zakhokelela ekuhambeni kwabadlai abaliqela. UWatson nguye oshiyeke etyholwa ngayo yonke into engeyiyo eqhubeka kwela qela,

Kuquka nokungabhatalwa kwabadlali kunye nabasebenzi umvuzo weenyanga ezimbini. Kule nyanga izayo imanyano izakuhlala intlangano enkulu, nalapho kuzakuthacazwa khona iivoti ezingamxhasiyo uWatson.

Sele ekhona amarhe okuba uWillem Oliphant nguye ongangena ezihlangwini zika- Watson njengomongameli we-EPRU. Iingxaki zemali ze-EP Kings ziye zanyanzelisa ukuba umbutho wombhoxo kweli i-SARU uthathe isigqibo sokuhoyana neqela leSouthern Kings xa lidlala kwiSuper Rugby kunyaka ozayo.

UWatson ebekhe watyelela e-Australia, nalapho waye wathembisa ukuba iqela liza- kufumana inkxaso yezigidi ezimakhulu amabini zeerandi, kodwa le nto zange ide yenzeke. Abadlali baye banikwa inkxaso yokutya nokufaka amafutha kwizithuthi zabo. Ambalwa kakhulu amathuba okuba uWatson angafumana inkxaso ngokweevoti kwintlanganiso ezayo. Kunyaka ophelileyo wabetha * -Eben Coltman.