Zibethwe zizama iKings eWolfson Stadium

EP Kings ziphulekene nomdlalo kwiWestern Province nangona bezihamba phambili eWolfson Stadium. Picture: SuperSport

Uluntu lwaseBhayi lufumene inyhweba olungasoze luyilibale. Namhlanje amaqela ombhoxo amathandathu abadlali abasakhulayo akhuphisene kwivela-tanci letumente esungulwe yinkampani eyaziwayo jikelele kwezosasazo lwemidlalo – iSuperSport. Injongo yale midlalo kukubumba nokugudisa izakhono zabadlali bombhoxo belizwe loMzantsi Afrika. Indawo yaseBhayi isetyenziswe njengendawo yokuphehlelela iSuperSport Rugby Challenge kuba iyindawo enembali yokuvelisa amadlali bombhoxo abakumgangatho ophezulu.

Kowona mdlalo uphambili bekudibene iinkunzi embhoxweni, i-EP Kings neWestern Province, ezivelise umdlalo oshiye uninzi lwababukeli luncumile. Zityhale zisuka izidlakela zaseBhayi kuba bezibanga indawo futhi kuba zifuna nokuncumisa abalandeli abebebukele lo mdlalo eWolfson Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Emva kokulala emgceni amatyeli aliqela, iKings, iye kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngamanqaku angaphaya kweshumi. Leyo ibiyinto enkulu kakhulu ngoba iWestern Province inabadlali abanamandla, abakhawulezayo futhi abakwaziyo ababonanayo emdlalweni.

SuperSport Rugby Challenge's photo.

Kwisigaba sesibini iWestern Province ibuye ivuselelekile, kangangokuba khange kubenzima kuyo ukufaka amanqaku. Nangona iKings endala ifumene iziphumo ezincumisayo kodwa iqela elincinane alikwazanga ukuphumelela. Iqela laseKapa ligoduke nempumelelo ka’38-18 emva komdlalo obunzima elingaqalanga kakuhle kuwo. UThembelani Bholi uvumile ukuba abadlalanga kakuhle kwaye bekufanelekile ukubethwa kwabo – kodwa uthembisile ukuba into eyenzekileyo izakulungiswa kwiveki ezayo. IWestern Province ifumene nebhonasi emva kokulala emgceni izihlandlo ezine kwezithathu ze-EP Kings.

Imidlalo elandelayo izakudlalwa kwiveki ezayo – kodwa izakusiwa kwelinye iphondo nanjengoko injongo ukukusa umbhoxo kwiindawo eziwuthanda kakhulu.