Zibhatelwe iimbethimanqindi yiXaba Promotions!

Ide yasombululeka ingxubakaxaka yokungabhatalwa kweembethimanqindi, phakathi kwazo ebekukho intshatsheli ye-IBO kwihlabathi, uGideon Buthelezi, emva kwetumente eyayisingathwe yiXaba Boxing Promotions kwinyanga yeKhala.

Oku kubhengezwe nguAyanda Matiti kutshanje eMonti. UMatiti uthi ukungakhutshwa kwemali kwangethuba yiBuffalo City kuko okubangele ulibaziseko.

“Silityaziswe ngooceba bombutho olawulayo endingaboni ngasonye nabo ngezimvo. Zibe selishweni iimbethimanqindi ngoba eli dabi ibingelo lazo,” utshilo uMatiti.

Uthi inkampani yakhe iza kusebenzisana noButhelezi owakhalazela ukungabhatalwa iR430 000 kwiphephandaba laseGoli.

Ephefumla ngale nyewe, uButhelezi uthethe wenjenje: “Ndiyaxolisa kakhulu ngendikwenzileyo xeshikweni ndilinde imali yam. Ndiyaxolisa ngokungcolisa igama leXaba Promotions. Soze iphinde yenzeke impazamo ekumila kunje. Ndibhatelwe.”

Umqeqeshi kaButhelezi, uEllias Tshabalala, uthi ebeyazi ukuba uza kusifezekisa isivumelwano sabo nokaMatiti. “UMatiti ngumntu othembekileyo; bendingazi ukuba uza kusifezekisa isithembiso sakhe,” utshilo uTshabalala.

Ephendula ngezityholo ezingokophula umthetho kaBoxing South Africa, onyanzelisa abaququzeleli ukuba babhatale kwiiveki ezimbini phambi kwemilo, uMatiti uthethe wenjenje:

“Zonke iimali endandivumelene ngazo neembethimanqindi kwiimpephamvume endandizifake kwaBSA ndazibhatala. Le imali ibisilele ibisisivumelwano sabucala phakathi kwam noButhelezi. Akukho mthetho ndiwophulileyo kaBSA,” utshilo uMatiti.

Uthi abantu bekumele ukuba bavuyela into yokuba kukho iimbethimanqindi ezibhatalwa kufuphi kumakhulu amahlanu amawaka eerandi.

“Bekumele iqhwatyelwa izandla into yokuba kubekho umququzeleli obhatala iimbethimanqindi into ekufuphi kumakhulu amahlanu amawaka eerandi. Bekumele kuthiwa noko ikhona inkqubela emanqindini aseMzantsi Afika,” utshilo uMatiti.