Zicela inkxaso iintshatsheli zeqakamba eXesi

Iqela leqakamba elizinze kwenye yeelali zaseXesi licela inkxaso-mali koosomashishini nasebantwini ngokubanzi.

IRock of Ages Cricket Club yenye yamaqela aqhuba kakuhle kakhulu eMagqunukhwebeni – kodwa iyasokola ngenxa yokungabikho kwezinto zokudlala.

“Siyacela kuye nokuba ngubani onokuthi asincede. Amabala wethu apha mabi kakhulu. Siyazama ukuvelisa abadlali kule ndawo, umsebenzi wethu unzima ngenxa yobubi beendawo zokudlalela,” utshilo umanejala weRock of Ages uSingiselo Joko.

Kanti eli qela (iRock of Ages yelali yakuMpiki) ligqugqise kwanto ephambi kwalo kwiitumente ezimbini kwinyanga enye nje kuphela.

Kutshanje iRock of Ages Cricket Club yenze ezibukwayo kwitumente ebiseXesi. Kule tumente bekukho amaqela eqakamba aziwayo aquka iFight Again, iNgwenya Cricket Club, Mgxotyeni Cricket Club, iZihlahla nezinye.

Le tumente ibixhaswa lisebe leZemidlalo noLonwabo eMpuma Koloni.

UJoko, uthi bonwabe kakhulu emva kwale mpumelelo ingaka bayenzileyo.

“Sichulumance kakhulu ngoba sicinga ukuba siyimele kakuhle iXesi yethu.

“Italente ifele kule ndawo yethu. Siphumelele ngabadlali abasakhulayo kule tumente – kwaye babonise ukuzinikela kakhulu. Siyazama ukubaxhasa kangangoko sinako ukuze bangaphazanyiswa zizinto ezifana nokusetyenziswa kweziyobisi,” utshilo uJoko.

pedro.mapelo@inl.co.za