Iintliziyo zabalandeli beKaizer Chiefs zonzakele emva kokubethwa kweqela labo ngomzuzu wokugqibela. Amakhosi, abeqale akhokela kwisigaba sokuqala, ahlazwe yiChippa United ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obumhle eMoses Mabhida Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Amakhosi awuqale kakuhle umdlalo ngokuhlasela iChippa United ebihleli emva. Nangona iibhola ezikhatyelwe ngqo kunozinti weChippa United bezimbalwa – kodwa iChiefs ibinawo amathuba wokufaka amagowuli. UMaart noBlom benze umsebenzi omkhulu esiswini – kodwa bekunzima ukufumana uBimenyimana obegadwe ngamadoda amathathu. Abadlali beChippa benze umsebenzi ophucuke kakhulu emdlalweni ngoba bebeyazi indawo abanokubetha kuyo iChiefs.
USiyabonga Ngezana, oqale umdlalo emva kwethuba engadlaliswa ngenxa yeempazamo, ufake igowuli leChiefs emzuzwini wamashumi amane anesine. Igowuli lakhe belibalulekile kuye ngoba limphakamisile njengomdlalo – kodwa kwelinye icala linike iqela lakhe ithuba lokuphefumla phambi kokuya kwixesha lokuphumla. Kwisiqingatha sesibini, axhwithene kwakhona amaqela esebenzisa isantya. UBimenyimana ukhe wafumana ithuba emva kokubetha amadoda abephambi kwakhe – kodwa ibhola yakhe ebinamandla ibethwe ngenqindi ngunozinti weChippa United. Naye uKeagan Dolly uzamile akwalunga emva kokudlalelwa ibhola entle nguKhama Billiat.
Zijikile izinto emzuzwini wamshumi amahlanu anesine ngethuba uSiphelele Luthuli ebhakuzelisa umnatha ngebhola eshiye uBrandon Petersen ethe natya phantsi. Ligowuli elo elinike abadlali beChippa amandla ebedingeka okuthatha amanqaku amathathu eMoses Mabhida Stadium ebigcwaliswe ngabalandeli beChiefs abaye emdlalweni benethemba lempumelelo emva kokuba libethe iStellenbosch FC kwiveki ephelileyo. URonald Pfumbidzai ubethelele isikhonkwa esingcwabe iChiefs ngegowuli alifake emva kwempazamo eyenziwe nguSifiso Hlanti ongachithanga ibhola endaweni embi. Nakubeni ibikhe yaphumla ixesha elide, kodwa khangeleka ngathi iChippa iyijikile ikona emva kokuphumelela imidlalo emithathu ilandelelana.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10