Eyona tumente inkulu kwizwekazi le-Afrika ikuvutho-ndaba eGabon. Kuyiwa kwiveku yesithathu amazwe e-Afrika exikixana kwi-Afcon – kwaye ngoku zidla zigoduka.
Amazwe abethwe kumjikelo wokuqala agodukile. Ilizwe lokuqala ukuhamba ibe yiGabon.
Ilandelwe yiGuinea-Bissau, Ivory Coast, Togo, Uganda, Mali, Algeria neZimbabwe. Isiqalo sale tumente besiphantsi, ezo zinto ziye zatshintsha futhi nomgangatho webhola ebaleni wenyuka.
Phantse onke amazwe adlale ngokuzimisela – kodwa kuye kwanyanzeleka ahluzane. Angawasebenzisanga amathuba agodukile.
Ilizwe elidlalela ekhaya ibalilo elinamandla ngenxa yenkxaso eliyifumana ebantwini belizwe. Akubanga njalo kwiGabon kulo nyaka, ukapteni weGabon obekuthenjelwe kuye, uPierre-Emerick Aubameyang, utyhole amalungiselelo angaqinanga njengoyena nobangela wokuphuma kwelizwe lakhe kwi-Afcon.
“Kubi ukuphuma kwi-Afcon ngoba besinawo amathuba. Siphoxeke kakhulu ngoba amalungiselelo wethu khange abemahle,” utshilo * -Aubameyang kwiBBC.
Ukuqeshwa kukaSpaniard Camacho njengomqeqeshi, endaweni kaJorge Costa, kushiyeke inyanga enye kuqale itumente, yenye yezinto ezibe negalelo.
Kona ukubethwa kweZimbabwe kushiye abantu bekhedamile. Yawudlala kakuhle kumdlalo wokuqala futhi izimisele – kodwa ngelishwa ibethiwe yiTunisia (ngo’4-2) kumdlalo wokugqibela nangona iye kule tumente nenqela eliqinileyo.
Ityala libekwe kumqeqeshi ongakwazanga ukwenza iinguqu ezichanekileyo. Ukampeti weeWarriors, uWillard Katsande, ubeke phantsi kwimidlalo yamazwe ngamazwe. Lo mdlali-siswini uyidlale yonke imidlalo yeZimbabwe kwi-2017 Afcon.
“Ukudlala kwi-Afcon yinto enkulu kum, siyonwabele itumente – kodwa siphoxekile ngoba asifikelelanga kwindawo ebesiyifuna,” utshilo uKatsande kwikhasi lomnatha leChiefs.
Enye yezinto eyothusileyo kukukhutshwa kweentshatsheli ezikhuselayi, i-Ivory Coast, kumjikelo wokuqala. Kodwa kwelinye icala, lo nto ibonise ukukhula kokhuphiswano phakathi kwamazwe e-Afrika.
Amazwe ekucingeleka angayithatha le ndebe yiSenegal, iDR Congo, iGhana neMorocco eqeqeshwa nguHerve Renard othathe le ndebe izihlandlo ezibini eqeqesha iZambia ne-Ivory Coast ngokulandelelana.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns