Zifumene izipho izikolo zaseBuffalo City

Isebe lezeMidlalo neNkcubeko eMpuma Koloni liphise ngempahla yokudlala kwizikolo ezingamashumi amathandathu eBuffalo City UMFANEKISO: Pedro Mapelo

Abantwana bezikolo eziseBuffalo City bancumile emva kokuthiwa jize ngezinto zokudlala liSebe lezeMidlalo kule veki.

Zikumashumi amathandathu izikolo ezithe zazuza kwiimpahla zemidlalo ekuphiswe ngazo kwintlanganiso ebizinyaswe ziinqununu zezikolo. Yonke imidlalo ngokwahlukana kwayo ibilungiselelwe.

Abadlala ibhola ekhatywayo, umbhoxo, iqakamba, ibhola yomnyazi, intenetya nabo babalekayo bafumene kwiimpahla ezikhutshwe lisebe.

Eyona nto ibangele isebe lenze amatile-tile akumila kunje kungokuba libone iyeyona ndlela ichanekileyo yokukhuthaza ukubandakanyeka kwabantwana abancinane emidlalweni nokukhulisa imidlalo engadlalwayo kwiindawo ezihlelelekileyo.

“Senza le nto kuba sisazi ukuba izikolo ezihlelelekileyo azinayo imali, le yindlela yokuncedisa emidlalweni. Yiyo lo nto sibaphe izipho ngokwemidlalo edlalwa ezikolweni,” utshilo uDumisane Nokhenke weBCM.

Nangona iindawo ezihlala abantu abamnyama zingekabinazo iindawo zokudlalela ezisemgangathweni – kodwa imidlalo iseyeyona nto babambeleleyo kuba iqokelela ulutsha.

Iinqununu zilibulele inyathelo elithathwe lisebe nangona kudlaleka nzima kwiindawo zazo ngenxa yamabala okudlalela amabi.

UMnumzana uBanzi Nyungule waseSt Johns Primary School uthe bayavuya kakhulu ngoba izikolo zabo zihlelelekile.

“Le mpahla siyiphiwe lisebe iza kusincedisa kakhulu xa siphuhlisa abantwana. Sibamba ngazo zozibini ngokusipha ezi mpahla,” utshilo uNyengule.

Naye uMnu. Masakhane Gosangaye wesikolo iMasixole High School uthe ulibulele isebe ngokuzisa izipho – kodwa wabe esithi kukho ingxaki yokungasebenzisani kwesebe leMfundo nelezeMidlalo ethi ibulale imidlalo eMdantsane.

“UMdantsane yilokishi yesibini ngobukhulu eMzantsi Afrika – kodwa ihamba emva kwicala lezemidlalo. Sibethwa kukungancediswa ngala masebe omabini ngoba elo nelo litsalela kwelalo icalo,” utshilo.