Zigalelekile iziqwayi zabadlali eNaturena!

USiphelele Ntshangase, exhagwe nguBobby Motaung noKaizer Motaung, ngumdlali omtsha weChiefs. Umfanekiso: Chiefs

Iziqwayi
zabadlali zigalelekile eNaturena. Amakhosi abhengeze ngokusesikweni uSiphelele
Ntshangase noKabelo Mahlasela njengabadlali bawo abatsha. UNtshangase uthathwe
yiKaizer Chiefs emva kweengxoxo ezinzima neBaroka FC ayidlalele isiqingatha
sesizini yePSL ka-2017/18. Lo mdlali, onamashumi amabini anesiwe weminyaka,
utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emibini nesiqingatha izolo. Sekulithuba
elide kakhulu uNtshangase esoyanyaniswa neChiefs – kodwa ekuqaleni kwale sizini
kothuka abantu abaninzi ngethuba ethathwa yiBaroka FC kwiBlack Leopards.

Image may contain: 2 people, people smiling, people standing and indoor

Kanti izolo
elinye, iChiefs ibhengeze uKabelo Mahlasela obedlalela iBloemfontein Celtic njengomdlali
wayo omtsha. Yena lo mdlali kulindeleke ukuba ahlale iminyaka emibini
enesiqingatha. Kwangaxeshanye iChiefs iboleke iCeltic umdlali wayo wasemva
uLorenzo Gordinho. Kulindeleke ahlale kwiCeltic isizini enye kuphela. UMahlasela,
26, ukuvuyele kakhulu ukuya kwakhe eNaturena. “Eli ibiliphupha lam kwaye
ndichwayitile kakhulu ukuba yinxalenye yeli qela. Kube luvuyo kum ukwamkelwa
ngusihlalo, abaqeqeshi nabalandeli kweli qela,” utshilo uMahlasela.

Aba badlali babini bagaleleka emva
kukaLeonardo Castro obedlalela iMamelodi Sundowns – ofike phambi kokuphela
kuka-2017 kwiChiefs. Kulindeleke bancedise kakhulu iqela likaSteve Komphela
esazama ukufumana indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi weChiefs emva kweminyaka
emibini nesiqingatha. “Uxinizelelo luyinxalenye yokudlalela iChiefs, ndiyazi
kakuhle lo nto. Into endinokabavuza ngayo abantu abenefuthe ekuzeni apha
kukugcina abalandeli bonwabile,” utshilo uMahlasela.