Ziguqukile izinto kwiMultiChoice Diski Challenge

Bloemfontein Celtic celebrate being crowned Champions during the Multichoice Diski Challenge match between Kaizer Chiefs and Bloemfontein Celtic on the 23 February 2019 at Makhulong Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Usihlalo wePremier
Soccer League, ugqirha Irvin Khoza, uxelele iintatheli okokuba iza kuguqulwa
indlela ehamba ngayo inkqubo yeMultiChoice Diski Challenge ukusukela kwisizini
ezayo. UKhoza ebethetha namajelo eendaba izilo eGoli emva kokusongwa kwesizini
ka-2018/19 ekuqaleni kwale nyanga kaCanzibe. Kunyaka ka-2014, uMultiChoice
ebambisene nePSL – basungula iDiski Challenge ngelizama ukuhlangabezana
nokuqhwalela kwenkqubo yophuhliso ebholeni yaseMzantsi Afrika. Ube khona
umahluko obonakalayo eminyakeni edlulileyo ngoba kukho abadlali abagqugqisayo
kwiPSL abebekade bedlala kwiDiski Challenge edlalwa ngamaqela onke akwiPSL –
kodwa yona (iMDC) isebenzisa kakhulu abadlali abaselula ngokweminyaka.

Njengokuba amaqela
ebefudula edlala imidlalo elishumi elinesihlanu – ngoku onke aza kudlala
amashumi amathathu emidlalo ngokufanayo nalawo adlala kwiPSL, ukusukela
kwisizini ezayo. Lo nto ithetha ukuthi iqela ngalinye liza kudlalela ekhaya
nangaphandle. “Sibonile okokuba masiqinise ukhuphiswano ukuze kuncedeke
abadlali abasakhulayo abaphakathi kweshumi elinambini namashumi amabini
anesibini eminyaka. Kuye kwacaca kuthi ukuba uphuhliso kufuneka lubonakale
ebantwini – yiyo lo nto senze iinguqu kwiMultiChoice Diski Challenge. Siyazi
ukuba iPSL yeyona enomtsalane – kodwa ukuba ibhola ayihlali iyinto ephambili
kumajelo endaba – ingxaki iza kuba khona,” utshilo uKhoza.

Kwiisizini ezigqithileyo,
imidlalo yeDiski Challenge ibijikeleza kuwo onke amaphondo anamaqela athatha
inxaxheba. “Ndifuna ukwazisa okokuba uMultiChoice usamkele isigqibo
sokudlaliswa kwamaqela imijikelo emibini ukusikela kwisizini ezayo. Emva
kokuphela kwayo, kuza kuqala iDiski Shield,” utshilo uKhoza. Inkqubo entsha
yeMultiChoice Diski Challenge iza kuhambelana neyePSL kwaye isizini ingavalwa
kwinyanga yoKwindla.