Ziintshatsheli ezintsha iBaroka emva kokubetha iPirates eNelson Mandela Bay Stadium namhlanje

Baroka celebrate after Jemondre Dickens of Baroka FC scored during the2018 Telkom Knockout Finals game between Baroka FC and Orlando Pirates at Nelson Mandela Stadium in Port Elizabeth on 08 December 2018 © Deryck Foster/BackpagePix

Iqela
laseLimpompo, iBaroka FC, libhale ngokutsha iincwadi zembali yebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika namhlanje ngokubetha i-Orlando Pirates ngo’3-2 kumapenela emdlalweni
weTelkom Knockout obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium. Umdlalo uphele
ebambene amaqela ngo’2-2 emva kwexesha elongezelelweyo. IBaroka iphumelele
indebe namhlanje okokuqala ukusukela mhla yanyuselwa kwinqanaba eliphezulu.
Nangona iPirates idlale ingaphelelanga –  izamile ukulwa kwade kwase kugqibeleni – kodwa
ngelishwa izinto aziyihambelanga kakuhle kumapenela.

Umdlalo
uqale ngesantya esiphakathi kubonakala ukuba omabini amaqela asafundana futhi
lingekho elifuna kufakwe igowuli kulo kuqala. Ngomzuzu wesihlanu kwisigaba
sokuqala, unozinti weBaroka, uElvis Chipezeze, wenze umsebenzi oncomekayo
ngethuba evala ibhola ebinzima ikhatywe nguThembinkosi Lorch. Izamile
ukuphendula nayo iBaroka ngokuhlasela – kodwa ayikwazanga ukuyisebenzisa ikona
eyifumeneyo kumzuzu wesixhenxe. ULorch noVincent Pule bayinyusile igiya batsho
beyixhesha iBaroka macala.

Umdlalo
iwuthathele kuyo iPirates ebihlasela emaphikweni – apho ibisebenzisa uPule,
uLorch no-Asavela Mbekile – kodwa abadlali bayo bebefika iBaroka ivale mba
emva. UVusi Sibiya, uAnanias Gebhardt noBonginkosi Makume benze umsebenzi omhle
kakhulu benqanda iibhola ebezithutyeleziswa nguXola Mlambo noMusa Nyatama. Unikwe
uphumaphele uNyasha Munetsi nguVictor Gomes emva kokudlala kakubi umdlali
weBaroka. UJemondre Dickens ubhakuzelise umnatha ngomzuzu wamashumi amane
anesihlanu.

ULorch,
uPule noJustine Shonga bayihlasele ngamandla iBaroka beyivela macala onke –
kodwa bekunzima ukugqobhoza ngoba ibihleli emva yonke. Ubhakuzelise umnatha
uMusa Nyatama ngomzuzu wamashumi amahlanu anesithandathu emva kwebhola exake
unozinti isuka kuShonga. Nangona iPirates ibityhala ngabadlali abalishumi,
isigaba sesibini ibisilawula. IBaroka ibiyonganyelwe ngokupheleleyo yiPirates.

UMulenga uphose
ithuba lokubeka iPirates endaweni entle ngethuba ephosa ithuba emva kokufumana
ibhola kuLorch obetshawuza okombane ekunene. Izamile ukubuyela emdlalweni
iBaroka kwimizuzu yokugqibela kwisigaba sesibini – kodwa uSiyabonga Mpontshane
ebesevukile emaqandeni. Ibhola kaTebogo Sodi ayingqube kamnandi ngentloko iphume
ngaphezulu kweepali kuhliyeke imizuzu emithathu qha ebhodini. UChipezeze uvale
ibhola embi ebikhatywe nguShonga sekuphela umdlalo. Umdlalo uphele iPirates
neBaroka zibambene ngo’1-1 kwayiywa kwixesha elongezelelweyo. UMdududzi Mdantsane
ufake igowuli ngepenela emva kokuba uMpontshane ewise umdlali weBaroka FC
ebhokisini. ULorch ufake igowuli lokulinganisa kwixesha elongezelelweyoo
kwisigaba sesibini yatsho yangu’2-2.

Baroka FC: Elvis Chipezeze, Matome Mabeba, Bonginkosi
Makume, Ananias Gebhardt, Mdududzi Mdantsane, Tebogo Sodi, Goodman Mosele,
Talent Chawaphiwa, Thabiso Semenya, Jemondre Dickens, Vusi Sibiya.

Amalalela: Ayanda Dlamini, Matome Kgoetyane, Ranga
Chivaviro, Collins Makgaka, Davies Nkausu, Mpho Kgaswane, Onkabatse Makgantai.

Orlando Pirates: Siyabonga Mpontshane, Happy Jele, Nyasha
Munetsi, Asavela Mbekile, Innocent Maela, Musa Nyatama, Xola Mlambo, Vincent
Pule, Thembinkosi Lorch, Justine Shonga, Augustine Mulenga.

Amalalela: Jackson Mabokgwane, Marcelo Da Silva, Paseka
Mako, Mpho Makola, Linda Mntambo, Thabo Qalinge, Thabiso Kutumela