Ziintshatsheli ezivunyiweyo zombhoxo iShining Stars

IShining Stars iphumelele itumente yokuqala yeMadodana John Ncinane kwiveki ephelileyo

Ivelatanci letumente yombhoxo livelise iintshatsheli ezintsha. Yimivuyo yodwa emva kokuba iShining Stars yase-Upper Mnyameni iphumelele iMadodana John Ncinane Tournament kwiveki ephelileyo kuQoboqobo.

Le tumente, ibixhaswa lisebe leZemidlalo kweli phondo neBorder Rugby Union, isungulwe ngelizama ukuhlonipha nokukhumbula amadoda angoovulindlela embhoxweni ngeentsuku zakudala.

Nangona ibiqala ukubakho le tumente – kodwa ibe yimpumelelo engummangaliso kwaye itsale umdla wamaqela angooxholovane afana neTshoxa United, iGwiligwili United, iHungry Lions, iNqubela Village, iGxulu namanye amaninzi.

Kanti kumaqela amancinane adlala umbhoxo bekukho amaqela anjengeSivuyile Primary, Douglas Ross Primary, iZanyokhwe namanye amaninzi.

Emva kokukhuphisana kwala maqela angaphaya kwamashumi amabini – iShining Stars izenzele igama elihle kwibhola yombhoxo ngokuthi ibelelona qela eliqaqambileyo kuQoboqobo.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa lincokola nomqeqeshi weStars, uBakajana Ndyebo, bekuvakala ukuba usabhiyoza. Bekufanelekile kubenjalo ngoba iziphumo zichaza ncakasana umsebenzi wabadlali bakhe abawenza xa bezilolonga.

“Ndichulumance kakhulu ngoba yeyokuqala le tumente kaJohn Ncinane. Liqhawe lethu elo. Savuya kakhulu xa kuthiwa makukhunjulwe abantu abaphakamisa umbhoxo,” utshilo uNdyebo.

Iitumente zasezilalini zinendima ebalulekileyo ekulungiseni izakhono zabadlali abasakhulayo, yiyo lo nto impumelelo yeStars ibalulekile kulo mqeqeshi.

“Le mpumelelo isibeka phezulu. Kubanje xa abantwana bekule nto yenziwayo. Bezikhamana nyhani emidlalweni – kodwa sithi abaphumelele le tumente okokuqala. Xa sidibanisa abantwana ndawonye sube sibahlangula kwizinto ezimbi ezenzekayo ekuhlaleni. Ukudlala umbhoxo kuyamqeqesha umntu ukuze akwazi ukuba ngumntu oqiqayo futhi aziwe ngokudlala ezindaweni,” uvale ngalo mazwi uNdyebo.