Zilungiselela unyaka ozayo iiLions

Emva kwesizini ehambe kakuhle kakhulu yeSuper Rugby kulo nyaka. ILions sele iqalile ukuqinisa iqela layo ukulungiselela isizini ezayo. Oku kulandela emva kokuba eliqela lityikitye abadlali ababini abadlala njengeelocks kwiBulls, uMarvin Orie noPJ Steenkamp.

Izolo ingxelo ezivelileyo zezokuba iBulls ikuqinisekisile ukuthengwa kwaba badlali. U-Orie ngomnye wabadlali abadlale kakuhle kakhulu kwiBulls kwiSuper Rugby yalo nyaka, kwaye ebesoloko esiba khona xa iqela liqala umdlalo.

USteenkamp yena usemtsha kakhulu kuba udlala umbhoxo esikolweni, kulindeleke ukuba aphume kweli nqanaba ekupheleni kwalo nyaka ahambe aye e-Ellis Park.

Eyona nto ekungenzeka ukuba ihambise * -Orie kukufika kukaLood de Jager ePitoli, nosandula ukutyikitywa. Bekunzima kuye ngamanye amaxesha ukufumana indawo yokudlala ngenxa yabadlali abafana noJason Jenkins noRG Snyman. Mhlawumbi aza kuvuleka amathuba xa efika kwiLions.