Zimbini izinto ezifunwa nguPitso ongagxamelanga umsebenzi omtsha

Pitso Mosimane.

Ngokutsho kwakhe uPitso “Jingles” Mosimane uza kuthatha umsebenzi omtsha kunyaka ozayo ngoba ufuna ukuchitha ixesha nosapho lwakhe. UPitso ukuthethe oku ngethuba encokola neentatheli ngentsasa yayizolo. Le ndedeba eneendebe ezintathu zeCAF Champions League phantsi kwegama layo ibuyele ekhaya kutshanje emva kokwahlukana neqela lebhola ekhatywayo lase-United Arab Emirates ekuthiwa yiAl Wahda. Njengokuba amazwe esilwela ukuzibekela iindawo kwiFIFA World Cup ezayo, kuthiwa uJingles uyafunwa yiNigeria edlale ntanganye neZimbabwe neLesotho emidlalweni ebikwiiveki eziphelileyo.

Noxa ethe akakungxamelanga ukuthatha umsebenzi omtsha ngoku – kodwa uthe angakuvuyela ukuthatha iqela lesizwe alise kwitumente yehlabathi ngonyaka ka2026. UJose Peseiro ebenokugxothwa nanini emva kokuba iNigeria ingaphumelelanga imidlalo ebalulekileyo emibini – kodwa usahleli ngoba iNigeria Football Federation ayinayo imali yokumbhatala ahambe. Echaza akujongayo phambi kokuba athathe umsebenzi wokuqeqesha iqela elimfunayo, uPitso uthe kufuneka kucace into eliyifunayo.

“Iqela kufuneka libeke umbono walo sibe sesijonga indlela esingawuphumeza ngayo. Andizami ukuqhayisa – kodwa singawufumana nakwiveki ezayo umsebenzi,” utshilo uPitso, ofunwa ngabalandeli beChiefs ethwaxwe yimbalela iminyaka elithoba yonke.

Ngokutsho kwakhe uPitso, akhona amaqela anomdla kuye eMazantsi eMelika kunye nawase-Asia. “Enyanisweni, ndingavuya ukuba ndingaphumelela iAfrica Cup of Nations (Afcon) okanye ndiye kwitumente yehlabathi neqela lesizwe. Ndinawo umdla – kodwa ke andizikhetheli ukuba leliphi iqela emalindifune.

“Ndiyakurhalela ukukhokela iqela lesizwe eliya kwiNdebe yeHlabathi. Alithoba amazwe e’Afrika aza kuya kuyo. UMzantsi Afrika uyaya kwitumente yehlabathi. Ndifuna uye ngoba lilizwe lam. Kodwa iNigeria liqela elomeleleyo.

Ngelishwa ibhola ingokwenzeka ebaleni. Kungakuhle ukuba ndingafumana iqela lesizwe elomeleleyo, hayi eliza kusihlaza kwitumente yehlabathi. URegragui Walid weMorocco noCisse Aliou weSenegal kudala besithi mandiqeqeshe iqela lesizwe ukuze ndiye kwiNdebe yeHlabathi,” utshilo uJingles.