Zinoxanduva iiBulls kwiCurrie Cup

Umqeqeshi weBulls uNollis Marais uthi iqela lakhe kufuneka liqokelele amanqaku ngokukhawuleza, ukuba lisenawo umdlalo wokuhlala kwiCurrie Cup yalo nyaka.

Umdlalo wokuqala weBulls uzakuba luvavanyo olumandla kakhulu kweli qela, ngoLwesihlanu liza kwamkela iintshatsheli ezikhuselayo zeCurrie Cup iGolden Lions.