Zintle: Sikulungele ukudlala namazwe aseYurophu!

Urhulumente wesininzi uze nengunqu eMzantsi Afrika
ukusukela ngonyaka ka-1994. Enye yeenguqu ezincomekayo kukuza nomthetho kamakulingane
nokunika amanenekazi ilungelo elipheleleyo lokwenza zonke izinto ezazifudula zisenziwa
ngamadoda kuphela. Umdlalo wombhoxo yenye yezinto eyayifudula isenziwa
ngamadoda kuphela. IBorder yenye yeengingqi ezinabadlali abaninzi abangamanenekazi
embhoxweni eMpuma Koloni.
IBorder Woman
lelona qela lombhoxo lamanenekazi elinkqenkqeza phambili kwi-Inter Provincial
League. Eli qela laseBorder liyiphumelele amatyeli amane indebe ukusukela mhla yasungulwayo
kwiminyaka emithandathu eyadlulayo. Elinye iqela eliyingcamlileyo impumelelo yiWestern Province ephumele izihlandlo ezibini.

Nangona liqhuba kakuhle eli qela, iingxelo zithi ngabona
badlali bahlawulwa kancinci. Kodwa lo nto ayiwatyhafisi abadlali ngoba
isixhenxe sabo siyinxalenye yamaBhokobhoko aza kudlala kwizwekazi laseYurophu. Usekela
kapteni weBorder, uZintle Mpupa, uthi banentshisakalo engummangaliso ngombhoxo.

“Awululanga umbhoxo wamanina kodwa ukuwuthanda
kukwenza unyamezele nangona ikhona ingxaki,” utshislo uMpupha.
OkaMpupha ukholelwa kwelokuba iqela lakhe liyilungele
imidlalo. “Kudala sisekampini. Ndiyakholelwa ukuba siyilungele yonke imidlalo,”
utshilo uMpupha.

Iqela lesizwe linduluke ngoMvulo lisingise eNgilane – apho
liza kungquzulana ne-UK Armed Forces ngomso. Ngomhla weshumi kule yeNkanga,
Amabhokobhoko aza kunyathelana neWales, iSpain agqibezele ngomhla wamashumi
amabini anesihlanu ngomdlalo wovavanyo ne-Italy.
Basixhenxe abadlali beBorder abaqukwe kwiqela lesizwe. NguZintle
Mpupha, uLusanda Dimke, uXolelwa Diliza, uAphiwe Ngwevu, uSnenhlanhla Shozi, uYonela
Ngingxolo noFundiswa Platjie.
Kanti naye
ukapteni, uNolusindiso Booi, ungumdlali obedlalela iBorder phambi kokuya kwiWestern
Province.