Mhla mnene kwakukade kusaziwa imbethi manqindi ukuba iphuma kobuphi ubuhlanti ingabuzwanga, kwakuphawulwa kwindlela elwa ngayo, indlela eziphethe ngayo nendlela ethetha ngayo.
Amaqela ayenesingqi esifakwa nosafikayo kwiqela. Abaqeqeshi abathi tha kum xa ndisetyisa lo mcimbi, ngoomakhwekhwetha esingabulula kubo ooBoyce Zitumane, Cyril Adams, Loyiso Mtya, Mathemba Nyakathi noMzimasi Mnguni nabanye abaninzi kweli phondo abazenzele igama kwicandelo lokuqeqesha.
Aba baqeqeshi babesaziwa, besoyikwa, gxebe behlonitshiwe kuba babenezakhono ezinqabileyo, kule mihla ekunzima ukufumaneka. Kwezo zakhono singabalula esokukwazi ukuceba umlo ozakuliwa yimbethi manqindi yakhe, esokwenza imbethi manqindi ikholelwe kuyo izibone iyintshatsheli enganantanga, esokwenza amaqhinga asemthethweni okuqinisekisa ukuba umlo akuphulukwana nawo lula. Eyona nto icacileyo kule nkcaza ingentla kukuba, ukuqeqesha lubizo olufuna izakhono ezithile ezinqabileyo nezifuna ukufunwa. Zeziphi ke ezi zakhono?
Esokuqala kukubanolwazi oluphangaleleyo ngomdlalo lo, ukuqineseka ukuba unothando lwalo mdlalo nentshisakalo yawo. Ukuze ke umntu agqibelele koku, kufuneka afunde kwiingcungela zalo mdlalo. Ingaba sisenabo ke abaqeqeshi abanezi zakhono kule mihla siphila kuyo, ukuba abekho ke kufuneka kuxozwe owuphi umphi? Ilishwa ke kukuba asizukubhula sisela okanye siye kosiyazi ukuphendula le mibuzo nokuza nezisombululo, kufuneka sidibanise amathambo engqondo.
Amanye amadoda endiwakhankanye ngentla sewalishiya eli, kodwa akuthethi ukuba emka nobuncwane bomcimbi kuba akhona amanye aweyesebenza nabo angasinika ubulumko namaqhingana okuqeqesha, siphindele kundalashe. Mandiliphumeze ke elithi, ukuba asizi nacebo lililo ngehle impumelelo yeli phondo ibeyimbali.
Inyaniso yeyokuba sineembethi manqindi ezinesakhono, kodwa ziyasifuna isandla esinobuchwepheshe obunqabileyo ukuze zifikelele ezinkwenkwezini.
Imfundiso esemthethweni ifanele ibekwe phambili njengesisombululo sanaphakade. Imeko yokuqeqesha aba baqeqeshi bafane naba mpondo zihlanjiwe bakhankanywe ngentla, ingundoqo kuba kaloku nokuba imeko yoqeqesho yakutsha nje yenziwa ngendlela yala maxesha kuyafuneka sicaphule kuvimba sijonge ukuba zinto zini ezinokuvunwa kubo.
Iyakhathaza imeko yokungabikho siqiniseko sokuqeqesha sikhoyo, ngakumbi kwicandelo labahlawulwayo kumanqindi, kweli, nabanina uyakwazi ukulala engumbukeli wamanqindi avuke kusasa sele engumqeqeshi. Ingaba ayibeki mbethimanqindi zethu emngciphekweni wokutyiswa intloya ngoomavukengceni. Malingathotywa ucingo kuba kwakuphumela nomofu.
Ukuba sifuna ukuba lo mdlalo wethu uphucuke ke masiqiniseke ukuba asinyonyobisi koko siqineseka ukuba lowo uthabatha inxaxheba ngokuba ngumqeqeshi usiwa kwinkqubo yokumenza umakhwekwetha womqeqeshi.
Esinye isisombululo ingakukukhweba amadoda angaphandle anamava ekuqeqesheni oophopho kulo mdlalo. La makhwahla anikwe abakhwetha bokufunda amava okufunda izakhono ezinjengokuba kutyiwa ntoni phambi komlo, indlela yokuvala umnxeba ngexesha lomlo kunye nezinye. La magqala angaphandle anikwe ixesha elithile lokunika aba bakhwetha ulwazi.
Le nkquleqhu yonke ingalulutho ukuba asinakukruthakruthana ngokuba ngubani omkhulu komnye, okanye ngubani omakanikwe uqeqesho koko sizingele ukuphucula abantwanwa bethu.Ndisatshaya!!!!!!!!!!!!!!!!!
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo