Ziphinde zatywatyushwa kwakhona iiSouthern Kings!

Guinness PRO14, Myreside, Edinburgh, Scotland 5/1/2018 Edinburgh vs Southern Kings Edinburgh's Chris Dean on the attack Mandatory Credit ©INPHO/Craig Watson

Iseliphupha impumelelo kwiqela lombhoxo laseMpuma Koloni, iSouthern Kings, elithatha inxaxheba kwitumenete yeGinness Pro 14. IKings, eyatyiwa lizembe kunye neFree State Cheetahs, xeshikweni iqumrhu elilawula umbhoxo kumazwe akumazantsi ehlabathi, iSanzar, lithatha isigqibo sokuphungula amaqela ukuwasusa kwishumi elinesibhozo ukuyothixhaxhe kwishumi elinesihlanu, zizibhaqa lisemsileni kwiPro 14 League emva kokubethwa kuyo yolishumi elinanye imidlalo esele iyidlalile. Eli qela lithwaxwe yi-Edinburgh ngo’37-7 izolo eMyreside eScotland.

IKings ziwuqale kakuhle umdlalo kodwa ayikwazanga ukuwasebenzisa amathuba, nto leyo ekhokelele ukubeni iye ekhefini yokuphela kwesiqingatha sokuqala isemva ngamanqaku alishumi elinesihlanu. Kwisiqingatha sesibini lizityele itheko iqela laseScotland bequqa bebuyelela ekalikeni de bayokwenza impazamo nezikhokelele umdlali wangasemva weqela likaDeon Davids, u-Ntabeni Dukisa, ayolala emgceni okokuqala nokokugqibela emdlalweni. Ilele emgceni izihlandlo zazihlanu emdlalweni i-Edinburgh – ebethwe kanye qha kule sizini.

Umdlalo olandelayo weSouthern Kings ungomhla we-13 kwinyanga yoMqungu ku-2018, eNelson Mandela Bay Stadium, eBhayi – apho kulindeleke ukuba banyathelane khona neqela laseFree State, iCheetahs, ngentsimbi yesihlanu malanga.

Kings: 15 Ntabeni Dukisa, 14 Yew Penxe, 13 Berton Klaasen, 12 Martin du Toit, 11 Alshaun Bock, 10 Kurt Coleman, 9 Rudi van Rooyen, 8 Ruaan Lerm, 7 Martinus Burger, 6 Bredenkamp Eitel, 5 Dries van Schalkwyk, 4 Jurie van Vuuren, 3 Russow de Klerk, 2 Stephan Coetzee, 1 Schalk Ferreira(captain)

16.Tango Balekile,17 Njabulo Gumede, 18 Pieter Scholtz, 19 Lindokuhle Welemu, 20 Freddy Ngoza,21 Rowan Gouws/Godlen Masimla, 22 Harlon Klaasen, 23 Masixole Banda