Ziqule zaligangatha iiProteas

IStandard Bank Proteas zikulungele ukudlala neWest Indies namhlanje kumdlalo wosuku olunye obalulekileyo, nekunyanzelekileyo ukuba ziwuphumelele. Lo mdlalo uzakudlalelwa eKensington Oval, eBarbados.

Xa ujonga indlela eziqhube ngayo ngoku iiProteas lo mdlalo ufana nophambi kwamagqibela kankqoyi. Iqela eliphumeleleyo kulo mdlalo lizakudlala umdlalo wamagqibela kankqoyi ne-Australia ngeCawa.

“Isimo sabadlali sesincumisayo,” utshilo umqeqeshi wabadlali abagibiselayo uCharl Langeveld.

“Ezi ntsuku zimbini nesithe safumana ukuphumla kuzo zisinike ithuba elaneyo lokuqwalasela umdlalo wethu. Kushushu kakhulu apha kwaye ukuba uziqeqesha rhoqo uzakuphelelwa ngamanzi emzimbeni, namandla akho aphele. Into ekufuneka siyiqwalasele kukuba sigcine izinga lamandla kuthi liphezulu nabadlali sibahoye kakuhle.

“Kwicala labagibiseli siqinisekile ukuba sizakwenza kakuhle,” utshilo.

ULangeveldt nowathatha lo msebenzi kuAllan Donald kunyaka ophelileyo, uthi abadlali abaphambili abagibiselayo oko bebesebenza ngokuzimisela ukuphucula isakhono sabo, kodwa uthi umsebenzi abakawugqibi ngokwaneleyo.

“Ukufika kwam ndayenza uxanduva lwam ukuba ndiphucule isakhono sabo ingakumbi kwimidlalo yosuku olunye neyeT20, utsho uLangeveldt.

“Uyabonakala umahluko kwaye iziphumo zikhawuleze zaphuma msinyane, kodwa zikhona iindawo ekusafuneka sisebenze kuzo kakhulu. Xa siziqeqesha emnatheni ndiye ndibakhuthaze abadlali ukuba basebenze kakhulu kwizakhono zabo. Ngethemba lokuba kwiinyanga ezizayo wonke umntu uzakube edlala kakuhle.”