Zisina zidedelana kukhuphiswano lweNedbank

Amaqela ayahluzana njengokuba isondela esiphelweni iNedbank Cup. Njengeminye iminyaka, amaqela amancinane kulindeleke azixhwithele kumaqela amakhulu.

UClinton Larsen nabadlali beGolden Arrows bagxeleshe iMamelodi Sundowns emva kokuba bebethe iHighlands Park ngo’2-1 kumdlalo wePSL ngempelaveki, ngoku baya kumdlalo weNedbank Cup ukuzithemba kuphezulu.

“Kuhle ukuphumelela phambi kokudibana neSundowns. Iinjongo zethu kukuphumelela yonke imidlalo ezayo,” utshilo uLarsen.

AmaSandawana amkela Abafana Bes’thende kwibala iLucas Moripe Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo. ENelson Mandela Bay Stadium, iChippa United, izakuxikixana nePolokwane City ngo’15:00 kwangoMgqibelo.

Omabini la maqela akaqhubi kakuhle kwimidlalo yePSL – kodwa kulindeleke asebenzise lo mdlalo njengethuba lokuguqula izinto. IiChilli Boys zivuthululwe ngo’4-1 yiCape Town City ekuqaleni kweveki.

Kubalulekile kuDan Malesela ukuphumelela lo mdlalo ukuze iqela lakhe lizokufumana amandla okuya phambili nakwimidlalo yePSL.

Omnye wemidlalo enzima uphakathi kweFree State Stars ne-Orlando Pirates. Le yimpinda yomdlalo weveki ephelileyo obuseJames Motlatsi Stadium – apho iPirates igoduke iphaca emva kokubethwa ngo’3-2.

Ziziphumo ezimshiye othukile umqeqeshi wePirates, uKjell Jonevret, kangangokuba uthe kunyanzelekile kubekho utshintsho kwicala leziphumo kwimidlalo ezayo.

Eli lithuba lokugqibela leBucs lokufumana indebe kule isizini. Kunyanzelekile idlale ngokuzimisela kulo mdlalo wangoMgqibelo.

Komnye umdlalo ekuzakudlan’iintsimbi kuwo uphakathi kwe-Acombush United neKaizer Chiefs. Yothuse umzi le Acombush ngokukhupha iCape Town City kolu khuphiswano. Lo mdlalo ujongwe ngamehlo abomvu uzakube useKabokweni Stadium, eMpumalanga.

Amakhosi aya kulo mdlalo ezithembile emva kokubetha iDowns ngo’2-1 kumdlalo wePSL – kodwa aya esazi ukuba ukudlala namaqela amancinci kunzima.