Zithe gqolo ukwenyuka iingxwelerha kwiiSpringboks

USteven Kitshoff kulindeleke ukuba adlale okokuqala kwiSpringboks kule mpelaveki xa iqela lesizwe liqubisana ne-Ireland okwesithathu eBhayi. Oku kulandela ukukhutshwa kukaTrevor Nyakane ngokupheleleyo kwiqela lesizwe izolo.

UKitshoff nosele esuka kudlala kwiStormers khange afumane thuba lokudlala kwezi veki zimbini zidlulileyo. Njengokuba uTendai Mtawarira eqalile kuyo yomibini le midlalo, uNyakane yena ebehleli esitulweni njengelalela. UNyakane wonzakele emlenzeni kumdlalo wempelaveki esisuka kuyo, emva kokuba efumene ithuba lokungena kwisiqingatha sesibini.

Emva kokuba ejongwe ngoogqirha khange abonalakise konzakala kakhulu kodwa udumbile eqatheni. Izolo abaphathi beeBoks bathathe isigqibo sokuba lo mdlali weeBulls uzakube engalungelanga ukudlala ngoMvulo.

Le nto izakutsho inike uKitshoff, odlala eFrance, ithuba lokudlala kwiiBoks okokuqala nento ekudala eyilindile.