Zithe xibilili izibili kwabeChippa United emva kokubetha iBaroka FC

USizwe Mdlinzo weChippa United noDecide Chauke weBaroka FC emdlalweni weDStv Premiership. Umfanekiso: Philip Maeta/Gallo Images/BackpagePix

Ifumene ithuba lokuphefumla iChippa United emva kokuzuza impumelelo yayo yesibini yesizini eqhubekayo. Kwimpelaveki egqithileyo, iChippa United ibethe iBaroka FC ngegowuli elinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium. Igowuli eliphumelele ngalo iqela laseMpuma Koloni lifakwe nguMogakolodi Ngele. Besekuphele iinyanga ezimbini iChippa United ingasaphumeleli midlalo kwaye lo nto imnyanzele uMnu. uSiviwe Mpengesi ukuba enze iinguqu eqeleni lakhe. Ushenxise uGavin Hunt esikhundleni ngelithi uyamnqumamisa noxa kungekho themba lokuba uyakuphinda ahlale kwesona sihlalo esitshisayo kwiPSL.

Endaweni yakhe kubekwe uKurt Lentjies ofumene impumelelo yakhe yokuqala njengomqeqeshi obambeleyo kwiChippa United. ULentjies uyincomile kakhulu indlela abadlale ngayo abadlali bakhe ePolokwane watsho esithi eyona nto ebalulekileyo ngoku ngamanqaku amathathu nokuba afumaneke kanjani. “Yah, kusekuhleni ukuba indlela esiyiqale ngayo isizini ayincumisi. Kodwa ndonelisekile yindlela abadlali abadlale ngayo namhlanje,” utshilo uLentjies. “Ayasonwabisa kakhulu amanqaku esiwafumene kude ekhayeni. Bendikhe ndaxelela abadlali ukuba besifanele ukulwela amanqaku amathathu kuyo yonke imidlalo esiyidlalayo.

“Ndiyavuyisana nabaqeqeshi abafunqule ukuzithemba kwabadlali ngoba eneneni akumandanga ukubethwa emidlalweni ixesha elide,” utshilo uLentjies okwancome igalelo elenziwe nguHunt noxa ebengekho emdlalweni. Akukacaci nokuba uMpengesi uya kuqesha umqeqeshi omtsha kusini na okanye uza kujonga inkqubela eyenziwa nguLentjies noogxa bakhe. Kulindeleke iChippa United izame ukufumana amanye amanqaku amathathu xa idabana neGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership oza kube useNelson Mandela Bay Stadium ngomhla wesine kwinyanga yeKhala. Nangona ifumene isiqabu iChippa – kodwa kunyanzelekile iphumelele kwakhona ukuze ikwazi ukuphuma engxakini.