“Zitshintshile izinto kulo unyaka” – Onke Simanga

Abadlali bebhola ekhatywayo ngethuba kudibene iMighty Spurs neBombers kwibala laseLuthuthu

Bekudibene oomahlal’ezondana abahlala ndawonye ngethuba kuvan’amandla amaqela amabini ebhola ekhatywayo, iMighty Spurs neBombers FC, kwilali yaseLuthuthu ethe geqe kwidolophu yaseMthatha. Nangona le lali ingenkulwanga – kodwa inamaqela amabini adelelanayo. Kubakho ingxoxo qho xa kuthe kwabethwa elinye phakathi kwawo lelinye. Lo nto ithe yadala ukhuphiswano olunzima phakathi kweSpurs neBombers kumaqela asezilalini.

Ukuba isiqalo esihle sonyaka sinento esiyithethayo entle ezayo, lo nto iyakuthetha ukuthi lo ngunyaka weMighty Spurs emva konyaka ophelileyo ongayihambelanga kakuhle ngenxa yokungazimiseli kwabadlali. Igowuli elinye elifakwe ngumdlali ohlaselayo, * -Inga Nqoloba, lilo elinike iSpurs impumelelo ebalulekileyo kulo nyaka mtsha kwibala laseLuthuthu. “Kumnandi ukubetha iBombers,” utshilo uNqoloba encumele ecaleni. Oku ukutsho emva kokuba iqela lakhe lifumene into eliyigqibele kudala – ukubetha iBombers, edlala umdlalo ophucukileyo kakhulu. IBombers isokolisene kakhulu namaqela amaninzi kwiitumente ezithe zadlalwa kunyaka ophelileyo.

IMighty Spurs yayiphakathi kwamaqela odlulwa yiBombers kwitumente eyayiseCentule ngePasika. “Sibabethile, izinto zitshintshile kulo unyaka,” woleke ngalo mazwi * -Onke Simanga.

Njengokuba kusondela iiholide zePasika, amaqela amaninzi alungiselela iitumente ezithi zibanjwe.