Zityikitye umdlali obalulekileyo iiBulls

Elinye lamaqela angakhange abenesizini entle kakhulu kwiSuper Rugby likwiphulo lokuguqula izinto njengokuba isondela ekupheleni isizini yalo nyaka.

IiBulls zityikitye obengumdlali weCheetahs neSpringboks uLood de Jager kwisivumelwano sonyaka omnye.

UDe Jager obefumene iwonga lokuba ngumdlali wonyaka kwiSARU kwisizini ephelileyo, uthathe isigqibo sokuba atyikitye neentshatsheli zeSuper Rugby iminyaka emithathu. Unethemba lokuqokelela ezinye iimbasa eMzantsi Afrika phambi kokuba aleqe ukuya kumazwe aphesheya.

Kwinto engaqhelekanga kakhulu ekuthengisweni kwabadlali apha eMzantsi Afrika, uDe Jager usebenzise ubuchule ukwenzela ukuba angavaleleki emathubeni. Akazibophelelanga kwisivumelwano sexesha elide neBulls, nangona eli qela belinawo umdla wokumgcina ixesha elide. “Ndonwabe kakhulu xa ndicinga ngekamva lam kwiVodacom Bulls kunye nenjongo zabo kwizinto abafuna ukuziphumelela. Nangona kunjalo ndisazinikele kwiCheetahs de iphele le sizini kwaye ndizakuzinikela xa ndidlalela eli qela. Lidlale indima enkulu kwindlela umdlalo wam wombhoxo okhule ngayo, kwaye ndifuna ukubulela ngokungazenzisiyo ngokudlala ngokuzimisela rhoqo ndingena ebaleni,” utshilo uDe Jager.

Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesithathu ebephakathi kwimfazwe equka iiCheetahs, iBulls neLions ebekuvala ukuba zibeke etafileni izigidi zeerandi ukutsala uDe Jager. Lo nto ibizakunceda iiLions ivale indawo kaFranco Mostert ozakuhamba aye eFrance ekupheleni kwale sizini.