Zixingile iingxoxo phakathi kukaTeboho Mokoena neMamelodi Sundowns!

UTeboho Mokoena neMamelodi Sundowns abakavumelani ngokwandiswa kwesivumelwano sengqesho njengokuba sisondela ekupheleni esikhoyo. Oku kudizwe nguGlyn Binkin ongumphathi kaMokoena.

Nangona uMokoena ephoswe yimidlalo eliqela ekuqaka owokugqibela weCAF Champions League ngenxa yokonzakala – kodwa yena uyibethelele indawo yakhe kwiMamelodi Sundowns njengonye wabadlali abaphambili kuyo ngakum kule sizini isongwayo.

Bekukhe kwathi sa iindaba ezithi uza kutyikitya isivumelwano esitsha kwiSundowns – kodwa uBinkin uzichaze njengamampunge ezo ndaba ngomdlali wakhe.

“Zisothusile iindaba ezigcwele kumajelo eendaba ezithi zisa kutyikitya isivumelwano esitsha ngoba ayikho into enjalo. Sithe masingathethi kumajelo eendaba ngale nto ekuthiwe ivela emntwini weSundowns othe sekukufutshane kuvunyelwane.

“Sagqiba kwelokuba singaphenduli kuba sihloniphe iSundowns – kodwa ngoku sibone kufanelekile ukuba masizilungise izinto ezibhaliweyo nezithethwayo ngoba azichanekanga. Ukuxoxa neSundowns siqale phambi kokuphela konyaka ka2023 – ngelishwa akukabikho themba lokuba siza kuvumelana neSundowns,” utshilo uBinkin kwiSABC Sport.

OkaBinkin unethemba lokuba iSundowns iza kubeka into ebhethele etafileni kunaleyo eyikhabileyo ngaphambili. “Sinethemba lokuba iSundowns iza kubeka into ebhetele etafileni ukuze umdlali wayo akwazi ukudlala njengesiqhelo,” uvale ngaloo mazwi uBinkin.

Kwiveki ephelileyo, iSundowns ibophelele uRonwen Williams kwisivumelwano esitsha emva kokuqhuba kakuhle kuyo ukusukela oko wathengwa kwiSuperSport United. Ngoba uMokoena ngumdlali obalulekiyo kakhulu kuRulani Mokwena, kulindeleke ukuba iSundowns ikhawuleze iyilungise into yomdlali wayo.

Ngokweengxelo zamajelo eendaba, akhona amaqela angaphaya kwemida yoMzantsi Afrika amfunayo uMokoena. Phakathi kwaloo maqela kukho iAl Ahly – elona qela lebhola ekhatywayo elikhulu kwizwekazi le’Afrika iphela.

Ukufunwa kukaMokoena ngamaqela akooYurophu kuze emva kokuba edlale kakuhle kwi’African Cup of Nations ebisekuqaleni kwalo nyaka. UMokoena ngomnye wabadlali abanceda aBafana Bafana ukuze bavale itumente behleli kwindawo yesithathu. Nangona engekavumelani neSundowns – kodwa kuthiwa ayizimiselanga ukuphulukana nomdlali wayo.