Ziyaduma kwimidlalo yeABC Motsepe League

Uza kuxhoma kakhulu umngangatho wemidlalo kwiABC Motsepe League eqala ngempelaveki.

Unobangela kukuba amaqela azakube esilwela iindawo ezibalulekileyo kwisigaba sesibini sesizini logama amanye ebaleka izembe emsileni.

Kungokunje iSibanye FC ihleli kwindawo yokuqala emva kokuqhuba kakuhle kunyaka ophelileyo.

Nonyaka omtsha ivule kakuhle ngokubetha iMatta Milan ngo’3-0 kwiveki ephelileyo. Emveni kwempumelelo, ngoku iSibanye inamanqaku angamashumi amabini anesibhozo.

Kodwa ngale mpelaveki, kulindeleke ukuba ifumane ubunzima xa idibana neButterworth FC elushica ezakube idlalela ekhaya.

IButterworth FC iphulukene namanqaku amathathu emva kokubethwa liqela ekuthiwa ngaMavarara FC kwiveki ephelileyo.

Lo nto yenze ukuba kulindeleke umdlalo okwizinga eliphezulu xa equbisana eWalter Sisulu University, eGcuwa, ngoMgqibelo emalanga.

IButterworth FC ihleli kwindawo yeshumi elinesibini kwiABC Motsepe ngamanqaku alishumi elinesithathu kwaye igxeleshe ukubuyisa isidima sayo.

Kweminye imidlalo yangoMgqibelo, iPeace Makers iza kuqubisana neBizana Pondo Chiefs ehleli kwindawo yesibini.

Yona iBush Bucks A FC iza kudlala neFuture Tigers FC. UMthatha Bucks uza kwamkela iBirmingham City FC. Zona iintshatsheli ezikhuselayo, iTornado FC, zinyathelane neSUBS.

Yona iPE Stars yamkela Amavarara FC, iThe Guys FC iqubisane neHighbury FC, logama iYakha United iza kuvana amandla neMatta Milan.

Iziphumo zeMotsepe League:

Birmingham City 1-4 PE Stars

Bizana Pondo Chiefs 1-0 Tornado FC

Peace Makers 2-0 Bush Bucks A FC

Highbury FC 4-0 Yakha United