‘Ziyafuduka iimbaleki ngoba akukho nkxaso’

Nangona imbaleki yaseTsomo iqale ukubaleka kwisithuba seminyaka emihlanu egqithileyo kodwa isazimisele ukuya phambili.

UMcoseleli Luyaba, 38, ngumntu ongazange wazibona eyimbaleki yemidyarho emikhulu esakhula kwilali yakwaLuthuli, izinto zaguquka ngenye imini awaboniswa ngayo elinye icala lobomi ngumququzeleli nentshatsheli yophuhliso lwezemidlalo eTsomo, uNomakhwezi Manqaba.

“Ndikuqale ukubaleka kwiTsomo Race Marathon eququzelelwa ngusisi Nomakhwezi Mkunyana Manqaba.

Nguye owandibona kwihotele yaseTsomo ndizonwabele.

Wandijonga emva koko wandichonga kuloo nginginya yabantu ukuze ndithathe inxaxheba kwiTsomo Race ejongene nophuhliso lwetalente yabantu abatsha,” utshilo uLuyaba.

Kwiminyaka emine egqithileyo, uLuyaba, obalekela iqela ekuthiwa yiBalekani Athletics Club, wenze inkqubela engummangaliso kwaye ukhuphisene namadoda aziwayo kwihlabathi kwimidyarho yeembaleki emikhulu eMzantsi Afrika.

“Ndiqale ukubaleka kuyo iTsomo Race ngo2015 emva kokukhuthazwa ngusisi uNomakhwezi.

Zange ke ndiphinde ndime emva koko kwaye sele ndibaleke imidyarho equka iChris Hani Marathon, iHeroes Marathon, iCheetahs Challenge Marathon, iElliot Madeira Marathon, iNelson Mandela Marathon, iTwo Oceans, iUltra Marathon neBonkolo Marathon,” utshilo uLuyaba, uthe uyakuthanda ukuba yimbaleki ngoba yinto eqoqosha isimilo somntu, emohlukanisa nezinto ezimbi imenze umntu ongumzekelo ekuhlaleni.

ULuyaba unyamezele ngoba iimbaleki zaseMpuma Koloni azixhaswa kwaye ezinye sezifudukele kwezinye iindawo. “Into embi eMpuma Koloni kukunqaba kwenkxaso. Lo nto yenza iimbaleki zifudukele kwamanye amaphondo ngelizama ukufumana amadlelo aluhlaza. Ziye zancama ezinye iimbaleki ngenxa yokunqaba kwenkxaso. Eyona nto endiyinqwenelayo kukubakho kwenkqubo yophuhliso ezilalini. Ilele italente ezilalini nasezikolweni. Umzekelo, abantwana abakumaziko ophuhliso kwiindawo ezaziwayo njengeTuks Academy, basuka ezilalini,” utshilo uLuyaba.