Ziyagxalathelana iimbaleki kwiHeroes Marathon!

Iimbaleki zaseMpuma Koloni nezamanye amazwe zizakukhuphisana kwiHeroes Marathon ngeCawe ekuseni

Abaququzeleli beHeroes Marathon banethemba lokutsala inyambalala yeembaleki zehlabathi kwakhona kule mpelaveki.

Umongameli we-Athletics Transkei, uLungile Molwana, uxelele I’solezwe lesiXhosa ekuqaleni kwale veki ukuba iminxeba esuka kwiimbaleki ezifuna ukuba yinxalenye yeHeroes Marathon ingena ingenile yonke imihla kwaye onke amalungiselelo ahamba kakuhle.

Iimbaleki eziphuma kumazwe ngamazwe ezwekazi le-Afrika nangaphandle kulindeleke ukuba ziswantsulisane kwiHeroes Marathon ezakuqala ngentsimbi yesithandathu ekuseni ngeCawe kwisikhululo seenqwelo-moya eMthatha iyoku,qhina eQunu.

Lo mdyarho weembaleki waqalwa kwiminyaka elishumi elinesithandathu eyadlulayo yi-Athletics Transkei njengendlela yokukhumbula igalelo elenziwa ngumongameli wokuqala wenkululeko, uNelson Rholihlahla Mandela, ngethuba lomzabalazo nasemva kuka-1994.

Kunyaka ophelileyo, uJonas Makhele waba yintshatsheli yeHeroes emva kokubamba indawo yokuqala. Intokazi ekuthiwa nguTabitha Tsatsa yona yabamba indawo ephambili kwababhinqileyo.

UNtsindiso Mphakathi, obambe indawo yesithathu kwiSoweto Marathon, uzimisele ukubuyisa isidima sakhe ngoMgqibelo – lo nto ithetha ukuthi uMakhele uzakufumana ubunzima xa ekhusela intshinga yakhe kulo nyaka.

Ezinye zeembaleki ezilindelekileyo nguZongamele Dyubheni noThobile Mbolekwa.

UMolwana uthi amalungiselelo ahamba kakuhle kakhulu kwaye bazimisele ukuzinceda iimbaleki ezisuka kwiindawo ezikude ezifuna ukulala eMthatha phambi kosuku lomdyarho.

“Izinto zisahamba kakuhle. Silindele iimbaleki ezisondele kumawaka amabini anamashumi amahlanu kulo nyaka. Abantu babonise umdla omkhulu kwiHeroes Marathon, siyabamema nabanye abafuna ukungenela,” utshilo uMolwana.

Enye yeembaleki ezinamava apha eMpuma Koloni, uXolisa Bici, kulindeleke athathane kube nzima neembaleki eziphuma kumazwe asemantla ezwekazi le-Afrika ezigqugqisileyo kwiminyaka edlulileyo kwiHeroes Marathon.

Imbaleki ephume phambili izakugoduka namashumi amahlanu amawaka eerandi (R50 000) kwi-42km, kanti kwi-21km – abaphume phambili bazakufumana amawaka alithoba eerandi (R9 000) baze bafumane amawaka asibhozo eerandi (R8 000) kwi-21km.