Ziyawa eBhayi kwiTelkom Knockout!

Kulindeleke amawakawaka abalandeli bebhola bathontelane eBhayi phambi komdlalo omkhulu ngempelaveki.

Iindaba ngokuchongwa kweBhayi zamkelwa ngovuyo ngabalandeli bebhola jikelele.

Ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo, iOrlando Pirates iza kuvan’amandla neBaroka FC emdlalweni wokugqibela weTelkom obonwa njengedabi eliphakathi kukaDavide noGoliyathi eNelson Mandela Bay Stadium.

Umdlalo weTelkom ubaluleke kakhulu kuwo omabini amaqela ngoba ayayifuna indebe.

Ukuphumelela kweBaroka kungafunqula umoya wabadlali bayo futhi bazenzele imbali.

Kunyanzelekile iPirates iyithathe indebe ngenxa yabalandeli abanxanelwe indebe emva kweminyaka engaphaya kwesine kungekho ebancumisayo.

Ingayimpazamo enkulu ukuba iBucs ingayidelela iBaroka emva kokuba ibethe iMamelodi Sundowns neBidvest Wits phambi komdlalo wokugqibela.

UMilutin “Micho” Sredojevic noRulani Mokwena bazenzele igama njengoongqondongqondo bebhola emva kokubetha amaqela afana neKaizer Chiefs – kodwa ngoku kufike ilixa lokuphumelela indebe.

Abalandeli bebhola benza amaqashiso ngomdlalo weTelkom ozayo kwiindawo abahlangana kuzo.

UMark Fish noJabu Mahlangu abavakalise iimbono ezahlukeneyo ngomdlalo weTelkom.

“Yahkunyanzelekile iPirates iwuphumelele umdlalo ngenxa yenkqubela eyenzileyo kwisizini edlulileyo. Kwisizini egqithileyo, iPirates ikwazile ukuswantsulisa iMamelodi Sundowns. Nakule isizini sibona ukuphucuka kwendlela eqhuba ngayo ebaleni. Siyayibona inguqu eyenzekileyo ebaleni – kodwa ke abalandeli bafuna lo nto ikhatshwe yinto ebonakalayo. Umdlalo uza kubanzima – kodwa kunyanzelekile iPirates iphumelele,” utshilo uFish.

Umdlalo uza kubanzima macala. Siyayazi iPirates iqhuba kakuhle – kodwa ibanjwe yiMaritzburg emdlalweni ogqithileyo.

Lo nto ibonisa ubunzima bokuqikelela into eza kwenzeka ebholeni. Ukubetha amaqela amakhulu kuyabonisa ukuba iBaroka ayifikanga ngentlahla kwisigaba sokugqibela. Abadlali bayo basebenzile futhi bayifanele indawo abakuyo. Akululanga ukuyithetha le nto – kodwa ikhona into ethi apha kum iBaroka iza kuphoxa abantu abaninzi,” utshilo uMahlangu.