Zizakukhuphisana ngeshumi lamawaka iimbaleki

NgeCawe ekuseni i-Elliot Madeira Charity Club isingatha imidyarho yeembaleki ezahlukeneyo. Ngalo mhla kulindeleke ukuba iimbaleki zikhuphisane kwimigama emithathu: owokuqala yi-12km omnye yi-10km owokugqibela ibeyi-5km. abaququzeleli balo msitho balindele iimbaleki eziphuma eGauteng, eKapa nalapha eMpuma Koloni.

Kodwa eyona nto ithe qabavu kukuba uLungile Gongqa noLusapho April, osuka kwii-Olimpiki zalo nyaka ebezi ebezibanjelwe eRio de Janeiro, eBrazil, uzakube eyinxalenye yalo msitho weembaleki. Ubhaliso lweembaleki zonke luvalwa emalanga ngoMgqibelo.