Iimbaleki zaseGcuwa, eDutywa, eNgqamakhwe nezinye iindawo ezingqongileyo zizakufumana ithuba lokuthatha inxaxheba kumdyarho oxhaswa ngamanene akwaTase nakwaCiliwe.
Kulo mdyarho ujongwe ngamehlo abomvu uzakutsala umgama oziikhilomitha ezintandathu ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga. Lo mdyarho kulindeleke ukuba utsale iimbaleki ezininzi ezibalekela amaqela awohlukeneyo apha eMpuma Koloni, ezindala nezo zisafuna ukuzenzela igama kwicandelo leembaleki.
Ngokubamba lo mdyarho olu sapho lwakwaTase luzama ukukhulisa nokunika ithuba iimbaleki ezisakhulayo ithuba elihle lokukhuphisana nezinye kumgangatho ophezulu.
Umnyhadala uzakuqala kwikhaya lakwaTase uyophela eKedama S.P.S kwilali yaseMtintsilana.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya