Zizigxama kwiComrades iimbaleki zeMpuma Koloni

UMkhululi Jack nogxa wakhe bazakuthatha inxaxheba kwiComrades Marathon yalo nyaka

Igquba leembaleki zeMpuma Koloni ziza kujongisa imibombo KwaZulu Natal ingaphelanga leveki – apho zizakuthi zithathe inxaxheba kumdyarho wehlabathi iComrades Marathon.

UDavid Gatebe noCharne Bosman – abazenzela imbali kwezembaleki ngokuphumelela kunyaka ophelileyo – bazakuzama ukukhusela iintshinga zabo kumdyarho walo nyaka ekulindeleke utsale iimbaleki zalapha kwizwekazi le-Afrika nehlabathi jikelele.

Lo ngumdyarho onzima kakhulu futhi ofuna iimbaleki ezivuthiweyo nezizilolonge ngokupheleleyo. Kulo nyaka iMpuma Koloni izakumelwa ziimbaleki ezingaphaya kwesihlanu esingabalula kuzo uSimphiwe Majiki, uZandisile Rhubushe, uMbuyiseli Mema, uFaziel Kitching – bonke bazakube bekhokelwa nguMkhululi Jack weRainbow United Sports Club ngeCawe.

Akuphelelanga apho, ngoba kukho namagqala afana noMndebi Zulu ophuma kwi-Oxford Striders, uMzoli Mpalala we-Old Mutual Running Club noSandile Madlala weNedbank Running Club yaseMonti.

UMkhululi Jack, 35, uyazigxama nakulo unyaka emva kokwenza njalo ngo’2015 eseyidyongo kwezembaleki.

Le ndedeba yakwaJack izimisele ukwenza ngcono kunangaphambili emva kokufumana imbasa yesilivere kwiTwo Oceans Marathon ebiseKapa kwiiholide zepasika kulo nyaka.

“Ewe, ndiyaya kwiComrades kulo nyaka. Ndilungiselela ukuhamba ngoLwesine neqela lam. Ukubaleka kwiComrades ndaqala ngo’2015, ndandingenele nje ngoko – kodwa abantu bandincoma. Amalungiselelo wethu ahamba kakuhle,” utshilo uJack kweli phephandaba kule veki.

Intokazi yakwaRhubushe ivela kwi-Oceans abaleke kuyo iiyure ezintlanu – kodwa izakuqala ukubaleka kwiComrades.

UMajiki ngomnye oqalayo kwiComrades noMema namanye amagqala abuyela kuyo okwesibini, bazimisele ukuzijula kolu gqatso ludumileyo ngenjongo enye: ukwenza ngcono kunakuqala.

Lo mdyarho weembaleki uzakuqala ngentsimbi yesihlanu ngeCawe.