Zolani Tete: Ngeke ayithathe intshinga yam uSiboniso Gonya

Zolani tete

Ifikile imini ebikade ilindiwe yomlo omkhulu! UZolani “Last Born” Tete ubeke esichengeni intshinga yakhe yehlabathi yeBantamweight.

Lo kaTete udibana nenye imbethi manqindi engelulanga eMzantsi Afrika egama linguSiboniso Gonya kumlo ongoMgqibelo ngentsimbi yeshumi ebusuku eBelfast, eNorthern Ireland.

ULast Born wayenethemba lokuba uyakuthi akhusele intshinga yakhe eMdantsane phambi kwabalandeli bakhe – kodwa ngenxa yokungafumani inkxaso-mali kwisebe lezemidlalo eMpuma Koloni, kuye kwanyanzeleka ukuba umlo usiwe eYurophu.

Lo mlo ubaluleke kakhulu kuTete kwaye uzilungiselele ngokupheleleyo.

Uchithe iiveki ezingaphaya kwesihlanu eziqeqesha eSandton, eGoli – apho ebephekwa esophulwa ziincutshe ezifana noMhikiza Myekeni noPhumzile Matyila.

Ngaphandle kokuba eyindoda eligagu nekwaziyo ukuthetha – kodwa uTete ungumntu ozimiselayo emsebenzini wakhe futhi oqinisekileyo ngento ayenzayo.

UGonya yindoda ezimiseleyo futhi ezimisele ukukhula emanqindini. Yiyo lo nto ezigxame kumlo onje – kodwa ngumlo lo ekunyanzelekileyo ukuba uTete awuphumelele kuba iliso lakhe elibeke kwinqanaba elingasentla.

Ethetha phambi kokundulukela eYurophu, uTete uthethe wenjenje: “Bekufanele ukuba silwela apha eMzantsi Afrika ngoba singabalapha sobabini. Silwela intshinga ebalulekileyo kakhulu, bekufanele umlo ulapha. Imbethi manqindi enje ngoGonya andiyijongeli phantsi, ngakumbi xa ihlonitshwa emanqindini jikelele.

UGonya yimbethi manqindi ephume izandla kwaye usebenze nzima ukuze abe kwindawo akuyo ngoku – kodwa ngeke ayithathe intshinga yam. Ndayisebenzela nzima le ntshinga, kuyanyanzeleka ndimngqengqise.”

Le mbethi manqindi yaseMdantsane ikuqhelile ukulwela eYurophu kwaye unabalandeli abaliqela kwela cala.

Iqumrhu losasazo, iSuperSport 10, lithembise ngokubabonisa abantu baseMzantsi Afrika ngqo lo mlo ngoMgqibelo ebusuku ngobunjalo bawo.

“Ndinabalandeli phaya kwaye ndinethemba lokuba bayakuhlala bendixhasa. Ndiyababulela kakhulu,” utshilo uTete.